UBobani ulambele ukuba nguSodolophu

UMongameli Bobani ofuna ukubanguSodolophu waseNelson Mandela Bay Umfanekiso: Raahil Sain/ANA
Obesakuba ngusekela sodolophu kumasipala iNelson Mandela Bay uMongameli Bobani, uthi ulambele ukuba ngusodolophu walo masipala. 
OkaBobani ulumkise usodolophu walo masipala uAthol Trollip ngelithi zibaliwe iintsuku zakhe engusodolophu. Uthe kwiiveki nje ezintathu ezizayo nguye ozakuxhuzula imikhala yolawulo eNelson Mandela Bay. 

Ethetha kwintlanganiso yebhunga ebiyeyokuqala emva kokuba wathi wakhiqwa njengosekela sodolophu, uBobani ebethe gqolo ukuthi usomlomo walo masipala uJonathan Lawack makathi, “sekela sodolophu” xa ebhekisa kuye.
Intlanganiso yebhunga iqale ngesiqhelo kukho ukuhawulana phakathi kwamalungu amaqela aphikisayo aweDA kwanosomlomo webhunga uLawack. 
Amalungu eUDM uBobani kwakunye noThoko Tshangela basukile kwizihlalo zomasipala womdibaniso bahlala phakathi kooceba bamaqela aphikisayo. 
UBobani nelungu lePatriotic Alliance uMarlon Daniels obegaqele isikhundla sikasekela sodolophu bebekhuphisana ngokukhupha amazwi arhabaxa ajoliswe kusodolophu uTrollip nakuLawack. 
Umba wokuqala obutshisa ibunzi kukususwa kukaBobani njengosekela sodolophu ngomhla wamashumi amabini anesine kweyeThupha nobungafakwanga kwimizuzu yentlanganiso yangaphambili. 
Amaqela  aphikisayo abuze ngokungabikho kwalo mba kwimizuzu ukuba kuthetha ntoni. 
Akwacaphule kumgaqo waloo ntlanganiso owawukhombisa ukuthi kule ntlanganiso bekufanele ukuba kutyunjwa usekela sodolophu. 
Isabhokhwe sebhunga uWerner Senekal ungenelele ngelithi: “Urhulumente womdibaniso akakakulungeli ukuvala eso sikhundla.” 
Woleke ngelithi iUDM iwucela umngeni ezinkundleni umba wokukhiqwa kukaBobani, “UNjengele Holomisa uthe makulindwe inkundla yenze ilizwi lokugqibela ngalo mba,” utshilo uSenekal nongakhange ayigqibe intetho yakhe ngenxa yokungenelela kukaBobani esithi “bubuxoki obo, awukho lo mba phambi kwenkundla, kwaye lo nto bekufanele ukuba icacisiwe kwimizuzu.”
UTrollip uphawule naye esithi: “Lo mba uzakuba senkundleni ngomhla wethoba kaNovemba,” kodwa nalapho waphika uBobani esithi iUDM ayiyazi lo nto. 
Amalungu eEFF agxeke ukungabikho kwalo mba kwimizuzu nokungabikho kwengcaciso ngesizathu sokushiywa kwawo.
Ilungu leEFF kwibhunga likamasipala uLukhanyo Mrara uthe: “Nge 24 kaAgasti bekuthathwe isigqibo ekufanele ukuba sikwimizuzu khonukuze sikungqine oko. 
Izigqibo ezithatyathwe apha mazihlonitshwe kungabikho zinguqu zenzelwa emacaleni.” 
Elinye ilungu leEFF kwakweli bhunga uZilindile Vena ubuze ngelithi: “Sizakusihlonipha njani esa sigqibo sala ntlanganiso xa singekho kwimizuzu?” 
NoBobani ungenelele ngelifuna ukwazi ukuba ngubani othathe isigqibo sokuba umba wokukhiqwa kwakhe ususwe kwimizuzu. 
Ukwagrogrise usomlomo ngelithi: “Yeka ukugrogrisa amalungu amaqela aphikisayo ngokuwakhuphela ngaphandle, eke wakhupha wamnye sizakuphuma sonke ichithakale intlanganiso kuba niyi 59 (kurhulumente womdibaniso).” 
Emva kwalo nomji intlanganiso yebhunga iqhubile nangona uBobani ebethe gqolo ukuphazamisa esithi makabizwe njengosekela sodolophu phambi kokuba axhuzule iintambo njengosodolophu.