UMongameli omtsha welizwe laseBotswana, uDuma Boko, uthi ziza kujika izinto kwela lizwe emva kokuba ethe wonyulwa njengoMongameli ekhupha iBotswana Democratic Party (BDP) ebikade ilawula ela lizwe ukusekela ngonyaka ka1966.
UBoko ukwenze oku ngethuba ebechaza amalungu ekhabhinethi yakhe entsha azakuqhuba ngayo ukuguqula izinto kwilizwe laseBotswana.
I-BDP ilawule ela lizwe isithuba seminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo, kodwa ngoku abantu bela lizwe bazibona bengena kwinkqubo entsha.
“Ilizwe laseBotswana likwimeko embi kakhulu ngokwezimali nezinga eliphezulu yentswela ngqesho, kodwa sizimisele ukutshintsha yonke loo nto,” kutsho uBoko.
Ukuphuma kweBDP kubonisa ukutshintsha kwezinto kwilizwekazi laseAfrika nalapho imibutho eyalwela inkululeko iphelelwa sisidima. Uthi kuyavakala ukuba imeko yezimali yelizwe laseBotswana ayiqhubi ngendlela ekhulisa ukuhluma kwabantu bela lizwe.
Imali yaseBotswana ebizwa ngokuba yiPula yenye yeemali ezinamandla kumazantsi weAfrika, kwaye isabonakala inamandla nangakumbi.
UMongameli Boko umiselwe ngokusemthethweni kuLwesihlanu ogqithileyo nalapho iinkokeli eziquka uJulius Malema we-EFF kwakunye noMmusi Maimane weBOSA bebeyinxalenye yomcimbi wokubekwa kwakhe.
Owayesakuba nguMongameli kwela lizwe uIan Khama ugxeke ubuqhitala kwiinkokeli ebezikhokele kwela lizwe eziquka uMokgweetsi Masisi ngokungakwazi ukukhathalela abantu baseBotswana.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump