ULelethu Palatana, Mfusi Ntushelo, Mpumelelo Dlanga, Buyile Jambela kwakunye noSikhumbuzo Hoyi baza kuchitha ubomi babo ejele emva kokufunyanwa yiNkundla yaseGqeberha benetyala lokudubula babulale inkosikazi yaseMotherwell uNosipho Mabusela (55).
Aba barhanelwa baphakathi kwe19 ukuya kuma33 eminyaka ubudala.
Ngokwengxelo ephuma kuCol Priscilla Naidu, ngenyanga yoKwindla ngo2018 kwangena amadoda asixhenxe kwikhaya lexhoba elikwisitalato iMpheko eNU7 eMotherwell ezinzulwini zobusuku. Utata wekhaya nongakwazi kuzihambela uVukile Mabusela (62) elele nenkosikazi yakhe uNosipho bayalelwa ngabarhanelwa ukuba bangakhe baphakame ebhedini, logama abarhanelwa babethutha iimpahla zexabiso bezithuthela kwimoto ababehamba ngayo eyiAvanza eyayibomvu ngombala.
UNosipho waphakama eyokukroba, ababini abarhanelwa bamyalela ukuba azogqume ubuso emva koko bamdubula wabhubha kwangoko.
Abamelwane emva kokuva izithonga zompu babiza amapolisa nawafika abarhanelwa besengaphakathi, beqhubekeka bethuthela kwimoto yabo.
Abanye abarhanelwa babaleka ngeenyawo, ababini babaleka ngemoto nabaye babanjwa kwaye nezinto ezazingaphakathi emotweni zathathwa.
Ingxelo ithi oyena nobangela wokuhlaselwa kosapho lakwaMabusela, kukuba utata wekhaya utat’ Mabusela, wayeza kuphunyelwa ziimali ebhatalwa emva kokwenziwa kwakhe uhlinzo lomzimba gwenxa.
UMabusela naye waye wabhubha phambi kokuba kuqhube ityala labarhanelwa.
UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uGeneral uNomthetheli Mene usamkele esi sigwebo, watsho eqhwabela izandla uWarrant Officer Deon Alexander waseMotherwell obecupha eli tyala.
UMene uthi imali ngunobangela wamanye amatyala okubulala.
Ngaphezu kobomi abagwetywe bona abarhanelwa kongezwe neminyaka kumrhanelwa ngamnye ephakathi kwemibini ukuya kwishumi elinesihlanu yokuphanga, ukuqhekeza nokubanemipu.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8