Ubomi babo livumba lelindle

ABANTU abahlala kumatyotyombe akwisikhululo sikaloliwe eFort Jackson ngaseMdantsane, bakubona ukuphumla xa amaqondo obushushu ephantsi kuba xa sele ephezulu ivumba lelindle ligqiba yonke indawo kubenzima nokuphefumla oku.

I’solezwe lityelele le ndawo lazibonela intlungu abahlala phantsi kwayo abahlali bale ndawo. Xa kufike ixesha lokuya kuphendula indalo, bazithuma kwelo bhakethe limomeneyo nelithathwa rhoqo emva kweveki.Ngenxa yoku, iiyadi zabo zinuka ilindle. Izindlu zabo zinuka ilindle. Xa besitya kunuka ilindle.

UThamsanqa Gobeni uthi kukhe kudlule iintsuku lingathathwa eli lindle. “Le meko isenza sibenolosuleleko lwezifo. Asikhuselekanga konke konke. Kudala sizama ukuthetha noceba wethu (uMlandeli Ngabayena), akukho kwamntu usimamelayo siyathenjiswa kuphela,” utshilo uGobeni.

UNwabisa Nxanisa uthi kule ndawo akukho manzi, into exakileyo livumba lelindle. “Kuvele kunuke ivumba uxakwe nokuba uzakuthini. Kudala sizama uncedo kuceba wethu kodwa ngaphandle kwempumelelo. Amanzi siwaba ngobusuku kwindawo elapha kufutshane okanye siwathenge kwezi zindlu zesikhululo sikaloliwe. Into awavela wayenza uceba wethu kukusinika iiplastiki zokubutha inkunkuma. Sibutha inkunkuma kwindawo enjani?” kubuza uNxanisa.

Yena uNosicelo Koti uthi uhleli kule ndawo ukusukela ngo1990. “Elibhakethe sizithuma kulo likumlinganiselo weelitha ezilishumi, libe lisetyenziswa ngabantu abangaphaya kweshumi iveki yonke,” kutsho uKoti. Ngaphandle kwelindle, iingxaki zabahlali bale ndawo ziquka ukuswela amanzi nombane. Bathi bakwafuna nokwakhelwa izindlu.

Ixhego lale ndawo uSuzayo Jo uthi imeko yale ndawo imenze waphukelwa yimpilo. Ingalo yasenxele kaJo, iyangcangcazela. Uthi umzimba lo wakhe unedumbe. “Sihleli kabuhlungu, asinamanzi asinazindlu zangasese. Sicela urhulumente asakhele izindlu,” utshilo uJo.

UCikizwa Semu uthi ityotyombe lakhe lavuza amanzi. “Xa kunethayo ndiye ndixolele ukuyokuxhwarha kumatyotyombe angcono.”

Uceba wale ndawo uMlandeli Ngabayena uthi abantu bale ndawo bakuluhlu lokwakhiwa kwezindlu kwa-NU-18 eMdantsane. Ngethuba simbuza ukuba ugqibele nini ukutyelela le ndawo uNgabayena uthe: “Xa ndifika kule ndawo ngeempelaveki ndifika abantu bengekho.”

Kumba welindle namanzi, uNgabayena uthe: “Safumanisa ukuba le ndawo ayinawo umbhobho welindle ngaphantsi, yiyo le nto kunzima ukwakha izindlu zangasese. Imeko yelindle iyakusombululeka xa abantu bale ndawo befumene izindlu kwa-NU-18. Kwicala la manzi, impendulo ndakuba nayo ungafikanga umhla weshumi elinesithandathu kule nyanga.”