“Ekuqaleni ndandisoloko ndingumntu ohlala ekhala kakhulu ndisoyikisela ubomi bam, ndicinga ukuba ndiza kufa ndishiye umntwana wam. Kodwa ngenxa yenkxaso emandla endandiyinikwa lusapho lwam nootitshala ndakwazi ukunyamezela nangona kwakungelula,” la ngamazwi egqiyazana elahlaselwa sisigulo sokufa icala (stroke) uNomvuyiso Woshe.
UWoshe, 30, nongumama kwintwazana yakhe eneminyaka esixhenxe (7) noyinzalelwane yaseKatikati, uthi akukho lula, zonke izinto ziyacotha.
Wahlaselwa sesi sigulo ngo2019 ekunyaka wakhe wokuqala kwizifundo zosasazo lukanomathotholo eWalter Sisulu University eMonti.
Uthi wabona ubom bakhe butshintsha ngesaquphe engalindelanga nawathi waphazamiseka esikolweni nakumaphupha akhe.
Uthi esi sigulo samqala ngokuvele wasuka akakwazi ukuzihambela ngeenyawo zakhe ebeqhele ukuhamba ngazo wawa phantsi, emva koko akakwazi ukuthetha.
“Ngo2019 ndandisenza unyaka wam wokuqala eWSU kwaye ubomi bam bubuhle, zonke izinto zindihambela kakuhle. Utshintsho kwimpilo yam baqala ngenyanga yeThupha emva kokuhlaselwa sesi sigulo,” utshilo uWoshe.
Eli gqiyazana lanyanzeleka liyekile esikolweni ngaloo nyaka sele lisecicini lokugqiba isifundo salo sonyaka kuba lalisele likwimeko embi lingakwazi kakuhle ukuthetha, lingasakwazi nokuzenzela nto.
UWoshe uye wadela konke wavuka ngeenyawo zakhe wabuyela eWSU kulo nyaka ka2022 ezokugqibezela apho wayeyeke khona kwizifundo zakhe. Uthi impilo ayisafani nakuqala, kungcono kuba ngoku uhamba kwisibhedlele saseFrere eMonti apho afumana uqeqesho lokuthetha njengoko wayengasakwazi ukuthetha.
Umongikazi osele enamava, uNobom Nini, uthi xa kuzube uhlaselwa sesi sigulo kuzube kukho into exingise igazi eli lityutyha engqondweni ekubeni lingahambi kakuhle.
Uqhube wathi istroke singayenza ingqondo ingaze iphinde isebenze kakuhle, ukhubazeke okanye usweleke.
NgokukaNini, unobangela wesifo secala sisigulo soxinzelelo lwegazi, ukutya izinto ezinamafutha kakhulu, ukutshaya kakhulu njalo njalo.
UNini ukwakhuthaza uluntu ukuba lutyelele iindawo zoncedo ngamaxesha onke, ingakumbi naxa uneempawu ezingaqhelekanga kuwe emzimbeni ngenjongo zokufumana uncedo olukhawulezileyo.
Le veki sikuyo yaziwa njengeWorld Stroke Awareness Week.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10