UAndlile Nyoka (26), nokwalilungu le ‘gang 26’ eBhayi, ulindeleke ukuba achithe ubomi bakhe bonke ejele ngaphezulu ibeyiminyaka eyi-67, emva kokuba ethe wafunyanwa yiNkundla ePhakamileyo yaseBhayi enetyala lokubulala uSergeant Mario Angelique Nel (42), nowayesebenza kwiNkundla yamaTyala aseMotherwell.
UNyoka ufunyenwe enematyala alishumi kuquka kuwo elokubulala, ukuxhwila, ukuzama ukubulala kwanokuba nompu ongenazimpepha.
Ngokwengxelo yeNPA, ithi, ngomhla wesithathu kuMay kunyaka ophelileyo u2023, uSergeant Nel wayephangele ngethuba ehlaselwa ngasemva nguNyoka esohlutha umpu. Ekujijisaneni kwabo uNel wadubuleka entloko wabhubha ngoko nangoko, uNyoka wabaleka nompu lowo kaNel.
Ingxelo yesithethi seNPA uLuxolo Tyali, ithi uNyoka wadibana neQuantum kwisitalato iSisulu esikwaNU29 eMotherwell, nawaye wayiqweqwedisa eyalela umqhubi ukuba amse eKorsten kwaseBhayi. Ngaphakathi kule Quantum uNyoka waye wagrogrisa namanina, umqhubi wenza njalo de wabe ubona ivantyi yamaPolisa nawathi wazijula kuyo umqhubi kuba esoyikisela ubomi bakhe, ngaphakathi eshiya la manina mabini kwakunye noNyoka.
IQuantum yayokubetheka kwipali yombane, uNyoka waphuma ngefestile emva koko wabe sele edubula kwivantyi yamaPolisa nawaye emabini. UNyoka wadubuleka wayokulaliswa kwisibhedlele iLivingstone, wathathwa umpu lowo wayewusebenzisa nawayewuhluthe kuNel.
Ingxelo ephuma kuTyali, iqhuba ithi inkosikazi kaNel ibiquqa kwiiNkundla elandelela eli tyala lomyeni wakhe kuba efuna ukubona isiphelo salo. Uthi uNyoka zange abonakalise kuzisola kuba zange ayokucela xolo kubo belusapho.
UAdvocate Dail Andrews, uye waqinisekisa ukuba uNyoka ufumana isigwebo esiqatha.
UMlawuli weeNkundla eMpuma Koloni uuBarry Madolo, uqhwabele izandla oogxa bakhe nangokusebenza ngokuzinikela phantsi kweemeko ezimbi.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’