Ubomi ejele kowabulala isithandwa sakhe eQonce

INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, ebichotshelwe eMakhanda, igwebe ubomi kwakunye neminyaka emihlanu uLunga Lennox Nqayi (46), emva kokufunyanwa enetyala lokubulala intokazi awayencuma nayo engusomashishini, uBridget Nokwanda Mguga-Patocka kunyaka ophelileyo.

Ngokwengxelo ephuma kwiGunyabantu lezoTshutshiso, uNqayi ebehlalisana noMguga-Patocka eGinsberg eQonce.

Ngobusuku bomhla wesithathu kweyeDwarha 2021, babanengxabano uNqayi nesithandwa sakhe, uNqayi waqalisa ukubetha uMguga-Patocka nekulapho ixhoba eli laye latsiba ngefesitile lizama ukusindisa ubomi balo. Kodwa kunjalo uNqayi walanda ekhondweni likaMguga-Patocka, ukumbamba kwakhe waqhubekeka ukumbetha esitalatweni, nekwaye kwangenelela ummelwane. Wabuza unobangela wokulwa kwabo ezama ukuphelisa le ngxabano, uNqayi waxelela ummelwane ukuba ixhoba liyamdyolela nenye indoda.

Ingxelo iqhuba ithi waqhubekeka embetha nangoku sele kukho ummelwane.

Ummelwane emva koku wabona imoto yexhoba iqhutywa nguNqayi, labe ixhoba likhala kwaye lizama ukutsiba emotweni, kodwa uNqayi wayisusa beyokutshona bobabini.

Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi ingxelo ithi uNqayi wavuka ekuseni wasa ixhoba esibhedlele nalapho wafika waxoka wathi liwile, belizama ukuziwisa ngabom efestileni, kunzima ukuphefumla.

Kwakubonakala ukuba ixhoba besele libhubhile lingekafiki nasesibhedlele njengoko lathi labhubhela endleleni.

Ngethuba kuqhuba ityala, uNqayi wadiza ukuba ityala akanalo, kodwa uAdv. Tanduxolo Soga wabeka enkundleni ubungqina obubambekayo.

OnguMlawuli weeNkundla eMpuma Koloni uBarry Madolo uqhwabele izandla abatshutshisi kwakunye namagosa ebephanda ngeli tyala.