Ubomi ejele kowadlwengula amagqiyazana ehlathini

Igwetywe ubomi kuquka neminyaka engamashumi amane ngaphezulu eziseleni indoda yaseNdingeni eUpper Tsitsana eMount Fletcher emva kokufunyanwa yinkundla yengingqi yaseMount Fletcher inamatyala amathathu elokudlwengula, elokuxhwila kwanelokuhlasela amantombazana amabini kuquka nomtshana wayo.

UDalumzi Ndzila (25) ufunyenwe enamatyala emva kokuba wathi wadlwengula iintwazana ezimbinni kwiziganeko ezahlukeneyo.

Kwisiganeko sokuqala ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeSilimela kunyaka ophelileyo, uNdzila warhuqela ehlathini umtshana wakhe oneminyaka elishumi elinesibhozo wamyalela ukuba akhulule iimpahla emva koko wamdlwengula.

“Esadlwengula njalo weva ukuba kukho isandi sabantu abasondelayo, wamrhuqela kwenye indawo kwalapha ehlathini waphinda waqhuba ngokumdlwengula. Ababantu, nababequka umama womenzi bobubi, baqhuba ngokukhangela de bafika uNdzila lo esadlwengula ixhoba. Wabaleka xa kulapho,” sitsho isithethi segunya-bantu lezotshutshiso uLuxolo Tyali.

Esabalekile njalo, uNdzila wadibana nexhoba elineminyaka engamashumi amabini walibetha emva koko walirhuqela ehlathini, walidlwengula.

“Emva kokulidlwengula, wayalela eli xhoba ukuba limkhaphe baye kowabo. Xa bekufuphi nekhaya, ixhoba lafumana ikroba lokubaleka layokubika isehlo kumzi okufuphi nto leyo yakhokelela ekubanjweni kukaNdzila,” kutsho uTyali.

Ngethuba kuqhuba ityala lakhe enkundleni uNdzila wadiza ukuba akanatyala kuba ebevumelene namaxhoba kuquka nomtshana wakhe. Kodwa umtshutshisi uBanele Mhlongo ukwazile ukubonisa inkundla ukuba inetyala le ndoda.

Igunya-bantu lezotshutshiso ephondweni lisamkele esi sigwebo lisithi iyakuba sisifundo nakubanye abenza ububi kumanina kwakunye nabantwana abangakwazi kuzilwela.