Ubomi ejele kowadlwengula intwazana ena10

INKUNDLA yengingqi yaseTsomo igwebe uSimphiwe Sondamase (32) ubomi ejele emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula intwazana eneshumi leminyaka kwilali yakuKhothane eNgqamakhwe.

USondamase, ngokokutsho kwenkundla ebengumhlobo katata wale ntwazana kwaye ebeqhelile ukutyelela kwikhaya lexhoba.

Ngomhla wesibhozo kweyoKwindla ngo2017, ixhoba lalihamba nomakhulu walo beyokuthenga inkukhu kumfama wasekuhlaleni. Besahamba bangena mzini uthile owawunesici.

Umakhulu wangena ngaphakathi, intwazana yashiyeka ngaphandle endlini.

Ngephanyazo, uSondamase wathatha le ntwazana wayisa kowayo ilanga lihlabe umhlaba. Xa umakhulu elaqaza umzukulwana waxelelwa ukuba uhambe noSondamase ze waleqisa. Wafika uSondamase edlwengula le ntwazana ze wahlaba umkhosi. Leza ihlokondiba labantu wabanjwa uSondamase emva kokubizwa kwamapolisa.

Isithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso, uLuxolo Tyali, uthi bayathemba ukuba esi sigwebo sakuba sisithintelo nakwabanye abasacinga lo mkhuba.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za