Ubomi ejele kowagwinta inenekazi walingcwaba!

Igwetywe ubom ngaphezulu yaba yiminyaka elishumi indoda yaseMount Fletcher eyakrwitsha inenekazi ngentambo kwimoto yalo labhubha yakugqiba yalombela ingcwaba ngaseTina River kuQumbu.

USanelisiwe Phiwane, 23, ugwetywe kwiveki ephelileyo yinkundla yamatyala ephakamileyo yaseNtabankulu nebichophe eMount Fletcher.

Ingxelo ephuma kuKapteni Ursula Roelofse ithi uPhiwane wadibana nexhoba elinguNombuso Tlhatsi, 37, ngeyoMsintsi ka2020 eziqhubela imoto yakhe ngethuba emiswa nguPhiwane emcela inombolo yefowuni yakhe, kuba ecinga uza kumcela uthando. Kodwa yena uPhiwane wabe ezazi iinjongo zakhe izezokuba uza kumphanga imoto.

Ingxelo iqhuba ithi emva kosuku bafowunelana benza indlela badibana, nalapho ixhoba lafika lihamba ngemoto yalo eluhlobo lweVW Polo.

Emva kwencoko yabo kule ndawo babedibanele kuyo, uPhiwane wakrwitsha ixhoba ngentambo labhubha emva koko waligrumbela ingcwabana walingcwaba ngaseTina River phakathi kwedolophu yakuQumbu neMount Fletcher.

Ngosuku olulandelayo umrhanelwa wabanjwa ngamapolisa edolophini eMount Fletcher eyuruza idolophu, esehla esonyuka ngemoto yomfikazi.

UPhiwane oko wabanjwa ityala ebeliphika de wabe ufunyanwa yinkundla enetyala ngoLwesihlanu.

Ugwetywe ubom ngenxa yokubulala nokuphanga, iminyaka emihlanu yokuxhwila kwakunye neminyaka elishumi yokujongela phantsi ingalo yomthetho.

Obambeleyo njengoMkomishinala wesithili uBrigadier Rudolph Adolph uqhwabele izandla iqela labecuphi ebelikhokelwa nguCst Bulelwa Vakala.