UHlumelo Dywili nobesebenzisa ufacebook kwakunye nesikhululo sasekuhlaleni esiseMaMpondweni ethengisa ibandla lakhe lenkonzo kwakunye neemveliso zokuthambisa ezinobuso bakhe, kanti injongo kukuloba abantu ababhinqileyo kuba efuna ukubadlwengula, ugwetywe izihlandlo ezithandathu zobomi esejele.
UDywili, 35, ebengumfundisi kwibandla lakhe iConsuming Fire Charismatic Church, ekwayiyo nemvumi yomculo wokholo, ugwetywe yiNkundla ePhakamileyo yaseMzantsi Afrika ebichophe eMbizana, emva kokufunyanwa enamatyala aliqela afana namane okudlwengula, amabini okuxhwila kwanelokubukelisa amaxhoba izenzo zesondo.
Kule nkonzo yakhe ebebizwa Mpostile kwaye ebedlala ngabantu esithi uyabaphilisa, abangakwaziyo ukuzihambela ubathandazela bakwazi ukuhamba, ekwathi nabadinga imisebenzi uyabanceda nabagulayo uyabaphilisa. UDywili ebe nebandla kwindawo yaseMandela eMthatha enalo neliseMbizana.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seGunyabantu lezoTshutshiso, uLuxolo Tyali, uDywili le mikhwa yakhe yokuloba ababhinqileyo uyiqale kweyeKhala wonyaka ophelileyo ka2021, apho ebeye azithengise ngelithi unceda abantu kufacebook nakwiNkonjane FM ngeenzame zokuloba amaxhoba.
Elinye lamaxhoba akhe lalisuka eKapa nelatsaleka kukubona imimangaliso eyenziwa nguDywili kufacebook. UDywili wathembisa ixhoba ngomsebenzi de walithengela itikiti lebhasi ekubeni lize eMthatha.
Ekufikeni kwexhoba eMthatha waqala ngokulidlwengulela emotweni emva koko wayokuliphosa kwibandla eliseMbizana. Ixhoba lafikela kwamabini amaxhoba odlwengulo nawo alobeka ngofacebook kuba ebathembisa ngemisebenzi.
Ingxelo iqhuba ithi amahxoba omathathu aphuma kumakhaya angathathi ntweni, wawagcina koko ewaphindaphinda ngokumane ewadlwengula. UTyali uthi kwelinye ityeli ngokokutsho kwamaxhoba ebebanyanzela ukuba babukele xa edlwengula elinye. Amaxhoba akhe ebephakathi kwama23 ukuya kuma25 eminyaka ubudala nebeye awagrogrise ngemela ebihlala phantsi komqamelo.
Izenzo zikaDywili zibhaqeke xa wadlwengula intwazana ene17 leminyaka ubudala eyayisiwe ngabazali bayo kuba inesifo sokuxhuzula ngeenjongo zokuba ithandazelwe iphile.
“Endaweni yokuba amnyange waxoka ebazalini bomntwana ukuba umthandazele waphila kanti utsho ukuba emqabe ioyile ngaphantsi wamdlwengula. Intwazana yaxela ebazalini, abazali abathandabuza ukuyokuvula ityala esikhululweni samapolisa,” utshilo uTyali.
Ityala laye lanikezelwa kuKapteni Lulama Jack wooKhetshe, nowakwazi ukumphanda wamfumana. Ngethuba kuqhuba ityala eMbizana, uDywili wawaphika onke amatyala nangona nje ubungqina babukhona.
OnguMlawuli weeNkundla zoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo, usiqhwabele izandla esi sigwebo sinikwe okaDywili.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10