Ugwetywe kwinkundla yenqila yaseLundi utata waKwaZulu-Natal ngokudlwengula ngokuphindaphindiweyo intombi yakhe eyayineminyaka esibhozo ubudala ngo2018.
Le ndoda ineminyaka engamashumi amahlanu (50) ubudala ifunyenwe inetyala lokudlwengula nalapho ezi zenzo zimanyumnyezi zenzeke eMahalhabati.
Umntwana washiyeka noyise emva kokuba unina engamhoyanga. Inkundla yaxelelwa ukuba le ntwazana yathathwa yaya kuhlala nosapho lukayise.
Ngalo maxesha lo tata wayedla ngokufika endlini ebusuku, maxa wambi enxilile, aze afune umntwana alale naye. Ebemdlwengula lo mntwana ebusuku nasekuseni.
Inkundla iphinde yaxelelwa ukuba lo tata wagrogrisa ngokumbulala lo mntwana xa enokuthi axelele nabani na ngale nto iqhubekayo.
Iinkcukacha zesi siganeko zivele ngethuba le ntwazana idlala kwaye ilinganisa izenzo zesondo ngelixa idlala nabanye abantwana.
Xa umntu ogcina okanye okhathalela lo mntwana embuza ngale mikhwa ayenzayo, wathi umntwana uyise wamenza ezi zinto. Lo mba uye wabikwa emapoliseni wabanjwa utata lo.
Umtshutshisi wombuso uBaldwin Mtshali wabelane ngengxelo yomntu ogcina lo mntwana, kunye nobungqina bomntwana ofunda nale ntwazana owabona igazi kwipenti yale ntwazana kunye nobungqina bukagqirha phambi kwenkundla.
Ugqirha ungqinile ukuba ukonzakala kwale ntwazana kuhambelana nengcaciso yakhe yeziganeko.
Kwingxelo yempembelelo yexhoba equlunqwe liGosa loLungiselelo leNkundla, umntwana uvakalise ukuba akasamhloniphi uyise. Kananjalo lo mntwana ngoku kufuneka athathe amayeza ngenxa yeengxaki ezibangelwa kukudlwengulwa.
Inkundla igwebe lo tata ubomi entolongweni ngokudlwengula yaze yamchaza njengomntu ongafanelekanga ukuba nompu.
Inkundla ikwayalela ukuba igama lakhe lifakwe kuluhlu lwabaphuli-mthetho ngokwesondo kuzwelonke, kwaye akavumelekanga ukuba asebenze nabantwana. Komnye umyalelo wenkundla, kuye kwayalelwa ukuba ixhoba okanye usapho lwalo lumenywe ukuba luze kuthetha eqongeni xa umtyholwa sele ekulungele ukufumana ingqawule.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) ephondweni, uNatasha Ramkisson-Kara uthe banethemba lokuba izigwebo ezilolu hlobo zibonisa ukuzinikela kwabo ekulweni ukuxhatshazwa ngokwesondo kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini.
“Ezi zigwebo zibonelela ngobulungisa kunye nokwaneliseka kumaxhoba kunye neentsapho zabo kodwa zikwasusa izaphuli-mthetho ezinobundlobongela ezitalatweni zethu,” utshilo uRamkisson-Kara.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!