Ubomi ejele ngokubulala ummi waseTopiya

Ugwetywe ubomi engaphakathi eziseleni yinkundla kamantyi yaseNgcobo uSinethemba Mhlakaza (29), emva kokufunyanwa enetyala lokubulala ummi waseTopiya nowayengumnikazi wevenkile kwilali yakwaMiya. Ngaphezulu kwesigwebo sobomi awelwe siso uMhlakaza, kukongezwe iminyaka elishumi elinesihlanu ngelokuqhekeza le venkile.

Ngokobungqina obaye bathiwa thaca phambi kwenkundla, ngonyaka ka-2014 uMhlakaza wavingcela uArwaro Makenko (31), ezenza oyokuthenga, wabe sele emdubula.

Abantu ababehleli ngaphandle kule venkile, beva ngezithonga zeembumbulu zisitsho ngaphakathi.

Emva koko oogxa bakaMhlakaza bangena ngaphakathi, ababini ababelinde ngaphandle bathatha utywala, icuba kwakunye nemali engange-R1 300 emva koko babaleka.

Isithethi seGunya-bantu Lezotshutshiso kula mmandla uLuxolo Tyali, uthi phambi kwenkundla uMhlakaza wathi ityala akanalo xa eziphendulela, kodwa kubungqina obuye beza nomtshutshisi wetyala uLoyiso Methuso ebuthatha koogxa bakaMhlakaza, kwaye kwafumaniseka enetyala phambi kwenkundla.

UTyali uthi iGunya-bantu Lezotshutshiso lisamkele esi sigwebo, lisithi oku kwakuthi kube sisifundo nakubanye abenzi bobubi, kwaye batsho bazi abemi bangaphandle abakweli nabo ngabantu.