Ubomi kodlwengule umzala wakhe ona4!

UGWETYWE ubomi entolongweni uAbongile Nkuhlu (22) yinkundla yamatyala eCala emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula umzala wakhe oneminyaka emine kuphela ezelwe.


Ngokwengxelo ephuma kothethela iGunyabantu lezoTshutshiso kwingingqi yaseMthatha, uLuxolo Tyali, ngomhla wokuqala kuJune ka2019, uNkuhlu watyelela kwadade bonina wakhe eNdondo Square eCala.


Ingxelo ithi umakazi kaNkuhlu washiya ixhoba kwamakhelwane njengesiqhelo kuba yena wayephangela, eshiya uNkuhlu endlini esalele. 


Emva koko umntwana wabuyela ekhaya kuba ebona umntu kowabo kanti kungethuba eza kudlwengulwa ngumzala wakhe.

Esaqhubekeka edlwengula umntwana, ubhuti womntwana (14) wangena endlini evela esikolweni, wafika kanye umzala ezenzela emntwaneni.
Ubhuti wexhoba wakhawuleza wachaza kwamakhelwane ngafike kusenzeka emntwaneni. 
Umntwana wathathwa wabalekiselwa kugqirha apho kwabonwa khona ukuba ngenene umntwana wonzakele ngaphantsi.
UTyali uthi uNkuhlu waye wabanjwa kwangoko ngamapolisa wavalelwa.
Ngethuba kuqhubekeka ityala likaNkuhlu ezinkundleni, uMtshutshisi ophezulu uMonde Magenu waveza ukuba uNkuhlu ayilotyala lokuqala eli ajongene nalo, kunelinye lokudlwengula elisaphandwayo awalenza eElliot kwaye unayo nembali yokusebenzisa iziyobisi.
INPA isamkele esi sigwebo siwiswe kuNkuhlu.