Ubomi kutata odlwengule umntwana wakhe!

 

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali.

BABE sendleleni eya edolophini eMount Fletcher ngethuba utata onamashumi amathathu anesithathu (33) eminyaka ubudala ezithathela ngolunya kwintwazana yakhe eneshumi elinesithathu (13) leminyaka ubudala.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA kwingingqi yaseMthatha, uLuxolo Tyali, utata wexhoba, ongabizwanga ngagama kuba kukhuselwa ixhoba, ugwetywe ubom yiNkundla yeNgingqi yala mmandla.

UTyali uthi ngentseni yangomhla wamashumi amabini anesithandathu kweyeKhala 2020, utata wacela intwazana le yakhe ukuba imkhaphe ngeenyawo baye edolophini njengoko kungekudanga ayokumthengela iimpahla. Ikhaya lexhoba liseSkote kwindawo yaseZingonyameni eMount Fletcher.

Ixhoba lihlala kwenye ilali kulomama walo.

“Endleleni, besathe chu kwindawo esithakeleyo, utata wayalela intombi yakhe ekubeni ihlale phantsi kwaye ikhulule iimpahla zonke ezinxibileyo. Intwazana yala kuba isithi kukho umbethe. Utata wamnyanzela kwakhona, de wabe uyamdlwengula. Ukugqiba kwakhe baqhubekeka nendlela bayokungena edolophini, wamthengela iimpahla.”

Ixhoba lafika ekhaya lachaza kudadobawo ngokwenzeke kulo nowaye waqinisekisa ukuba le nto ichazwa emapoliseni,” utshilo uTyali.

Udadobawo wexhoba phambi kwenkundla ngethuba enikeza ubungqina, wayixelela ukuba umtshana wakhe ngethuba wayebuya edolophini amehlo akhe ayebomvu kwaye engadlamkanga njengesiqhelo.

Le ndoda oko kwaqhuba ityala imane iphika isithi ayinatyala, ibanga ngelithi intwazana yayo ilakhile eli bali kuba engakhange amthengele ifowuni ebifunwa lixhoba.

Nangona nje ngethuba le ndoda iphekwa isophulwa ngemibuzo nguMtshutshisi uAdv Bongeka Honono, yaphela ilitshintsha ibali, ingasaphenduli.

Inkundla yayibeka ityala le ndoda, yatsho isithi ixhaphaze ilungelo lokuthenjwa yintombi yayo njengoko abantwana bejonge kootata. Kungoko ithe yanikwa isigwebo esiqatha kuba ngethuba kuqhuba ityala ayizange ibonakalise nokuzisola.