Ubomi kwezimnyama ngokudlwengula isihlobo sakhe!

UGWETYWE ubomi kwakunye neminyaka emithathu ngaphezulu uLandile Rali, 62, egwetywa yiNkundla yamatyala yaseMonti ngoLwesihlanu.


Ukugwetywa kwakhe kulandela emva kokufunyanwa enetyala  lokumane ephindelela edlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesihlanu nengumtshana wakhe.


 Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Mluleki Mbi ithi oku kwenzeke phakathi kuka2017 ukuya ku2019 de wabe uyabhaqwa.


UMbi uthi ixhoba belihlala nomalume walo ogwetyiweyo, unkosikazi kamalume kwakunye nomakhulu wabo kwilali yaseNtsokotha eMonti. 


URali ebemdlwengula umtshana wakhe xa unkosikazi wakhe engekho.

 

Ixhoba lithe ukudinwa kwalo ukuxhatshazwa ngumalume layokuchaza le meko kwitshomi kamakhulu walo nethe makuyokuchazwa emapoliseni. 


Umcuphi obephanda ngeli tyala uConstable Bulelwa Dyosi uthi utsale nzima kakhulu ngethuba esebenza kweli tyala nanjengoko itshomi kamakhulu wexhoba awayechaze kuyo yathuthela kwidolophu yaseLusikisiki. 


UDyosi uthi esi isigwebo siyamvuyisa kwaye usothukile ngempumelelo yakhe kuba usandul’ ukufika kweli candelo lijongene nokuphanda ngezenzo zokuxhatshazwa kwabantwana ngezesondo. 

Uthi impumelelo enje inika ithemba nakubahlali ngaphandle.