Ubomi luhambo!

Ubomi luhambo, indlela iyathetha, iimeko ziyathetha kwaye zifuna abantu abamamelayo. Noko ngoku bekumel’ba umyalezo singabantu basephondweni leMpuma Koloni sesiwufumene lide eli thuba.

Ndibukele, ndamamela abantu bekhalaza ngeziphumo zebanga leshumi. Umbuzo wam yakukuba, umntu wenza ntoni ngayo yonke le nto? Uyabona, ingxaki esinayo singabantu kukuba asiyilungiseleli imihla ezayo, singabantu bokuqabuka sekophulwe kwizinto zonke.

Ukuqala kumzali onomntwana oyinkwenkwe, uyakuze aphole ngokungathi ebengazazi uba unomntwana oyinkwenkwe ekuzofika ixesha elithile ebomini uba makaye entabeni. Kanye ngezi nyanga zokuya kwakhe entabeni kubekungona athatha ebeka.

Kuphinde kubekho umzali onomntwana osesikolweni, xa kufuneka umntwana eye esikolweni kubenzima. Akho mahluko ke nakule siyive kule veki iphelileyo ngeziphumo zebanga leshumi. Akuvelanga kwaphuma iziphumo, kuqale kwaqala unyaka. Njengesiqhelo saphola, senza izinto zethu ezifunwa sithi, ngoku lixesha leziphumo kukhona sithethayo nalapho akukho nto siyenzayo ngaphandle kokuthetha nokusola urhulumente.

Xa besilinde ntoni singayi kurhulumente silungiselela unyaka oqalayo? Ayicace uba akukho mntu uzakusonyula kulo mgxobhozo sikuwo ngaphandle kokuba sizonyule. Umcelimngeni ukhona kwaye awuyi ndawo ndakuthi ukujonga de senze into ngawo.

Asiloxesha lakubeka mali phambili eli, asiloxesha lakujonga inzuzo ngoba abantu abaninzi kwezi ntsuku basemva koba ‘mna ndizofumana ntoni xa ndisenza le nto.’ Singakwazi mhlawumbi ukhe sibek’abantu phambili kunenzuzo?

Lithiwa ndim, kuyo yonke le nto yezi ziphumo zingancumisiyo ephondweni mna andiboni ngxaki ndibona ithuba. Ithuba lokuba nawe ukhe uphakame ubenegalelo kwisizukulwana somz’ontsundu. Ukwenzela ukuba xa kuphela unyaka kuphuma iziphumo sizobanombulelo, silungise apho kufuneka silungise khona.

Andiyithandabuzi into yokuba inzalelwane yasephondweni xa ithanda ingalibeka iphondo leMpuma Koloni kwindawo ebanzi. Akukho nto singenayo idingekayo. Ukuba nje singalungisa iingqondo zethu, indlela esicinga ngayo nendlela esizibona ngayo izinto. Endaweni yoba sibone ingxaki, sibone ithuba.

Njengangoku, kule veki bendingazuthetha ngale nto ndithetha ngayo namhlanje, kodwa ndithe ndakubona ingxaki ndabona ithuba. Mhlawumbi eli lixesha loba siphakame, simanyane, umntu nomntu enze into azivayo uba inguye, umntu nomntu abenegalelo. Akakho umntu ongenanto anganegalelo ngayo okanye abelane ngayo nabanye abantu. Asikho isizukulwana esinolwazi ngezinto njengesi sethu.

Ukuthumela umyalezo akuthathi nomzuzu, senza ntoni ngezonto? Kudala kwakubhalwa ileta iposi ithathe ixesha layo. Ngoku uyakwazi ukuqhawulisa le na leya ngomzuzu omnye. Ezi zinto zikhona, sinazo, qha silinde bani? Kungabakho ingxaki, isisombululo sikhona.

Uba awunaso ke isisombululo mna andinangxaki ngokwabelana nomsebenzi esendiwuqalille apho ndikhoyo. Okokuqala funeka sijonge izidingo nonobangela bokuba iziphumo zibeyile nto ziyiyo. Isikolo nesikolo sinemicelimngeni yaso, nabantwana ngokunjalo. Asikwazi ukuquka sithi bonke abantwana bezikolo zaseMpuma Koloni badinga into ethile.

Uba senza njalo sizakuwubhuda umhlola. Abanye baya bengatyanga esikolweni, abanye abangamantombazana abayi esikolweni xa besexesheni kuba bengenazo iziqhusheko, abanye banegengxaki zamakhaya abo ezibabangela bangeva nale bayifundiswayo. Zonke ezi zinto zifuna ukuqwalaselwa, ngelinye ixesha ayikuko nokuba abantwana abazimiselanga kufunda kodwa zimeko abafunda phantsi kwazo.

Zikhona ke nezi zibonwa ngumntu wonke ezifana nokufundela phantsi kwemithi. Abanye bafunda izifundo zesiNgesi bezifundiswa ngesiXhosa, kodwa lona iphepha xa lifika lifika libhalwe ngesilungu kwaye bakhuphisana nabanye abantwana ebebefundiswa ngesilungu unyaka lo wonke.

Abanye banikwa umsebenzi wasekhaya uba bawenziswe ngabazali, ‘bazali abo phofu bangafundanga abanye babo. Zingxaki ezikhoyo ezi nesijongene nazo umhla nezolo, unyaka uqala de uyophela. Kulapho kudingeka thina bantu bazalelwe ephondweni.

Thina bantu banentliziyo ngekamva lomntwana wasephondweni sibambisene nabasemagunyeni ephondweni sivale isikroba. Siyazidinga inkqubo zempelaveki kuba ke abantu besemisebenzini nkqu nangeholide. Akudingeki uba sivele siyazi uba abantwana badinga ntoni singakhange siye kubo kuqala sive ukuba bangathanda ukuncedwa ngantoni.

Owam ke umsebenzi sendiwenzile wokuba ndibhale eli nqaku, ixhomekeke kuwe ukuba uzokwenza ntoni emva koba ulifundile. Abanye bayabhala, abanye bayafunda benze, babelane ngolwazi nabangakwaziyo ukuzifundela. Niyayibona na bethuna le nto yoba siyadingana?

Ndilindele ukubona nokuva imigushuzo ke ntozakuthi unyaka uqala nje ukwenzela ukubaxa uphela nalo unyaka sizokwazi ukujonga emva sithi ugqatso silufezile, umzamo omhle siwufezile. Singabancedi nje ekwenzeni kakuhle kunyaka kodwa nobomi ngapha kwebanga leshumi.

Izikolo kumabanga aphakamileyo zifunwa kwangoku unyaka usemtsha.