UBonang una-30 namhlanje!

Bonang Matheba Umfanekiso: Twitter
UBONANG Matheba ngomnye woosaziwayo abasebenza ngokuzimisela kwiqonga lolonwabo loMzantsi Afrika.

UMatheba namhlanje ugqiba iminyaka engama-30 eminyaka  walibonayo ilanga.
UQueen B, nangona nje efezekise iminqweno yakhe emininzi kwikhondo lakhe, kuquka ukusasaza kunomathotholo nomabonakude, uzimisele ukunqandwa ziinkwenkwezi.
Abo bamthandayo, nabamlandelayo, bazakube bebona ngqo ubomi obuphilwa nguBonang kwinkqubo yakhe ezakuqala ngenyanga yeKhala/ Julayi.
Usalinde njalo le nkqubo ethi #BeingBonang igaleleke kumabonakude wakho, sicinge ukuba sikuthi vandla-vandla ngezinto onganqwenela ukuzazi ngoBonang.
Wazalelwa eMahikeng kwiphondo loMntla Ntshona ngowe-25 kweyeSilimela/Juni 1987.
Unina uCharlotte noyise uGampi Matheba bohlukana eminyaka imihlanu kuphela uBonang.
UBonang unomntakwabo uThabo Mokena (umama wakhe amfumene kumtshato wakhe wesibini noJoe Mokoena).
Udade wabo omkhulu nguNthabiseng.
UBonang ufunde kwisikolo saseFourways High nalapho azuze iidistinctions kwibanga leMatriki – iGeography, Science, Afrikaans, Travel and Tourism neMaths.
Wayenomnqweno wokuba ngutitshalakazi wesiNgesi kuGrade 2 kwisikolo samabanga aphantsi.
Uthi wangenela uvavanyo (audition) lweLive Lotto Draw, Rhythm City (indawo kaTshidi), Real Goboza neLive Amp. Azange aziphumelele zonke ezinye, wafumana leyo yeLive Amp.
Wazibhatalela indlu eminyaka ingama-23 kuphela.
Wakhe wakhatywa ngawo amane ngethuba ecela umsebenzi eMetro FM, YFM naseTop Billing, kodwa ekugqibeleni wawufumana umsebenzi kwezi ndawo zontathu.
Ubelinenekazi lokuqala elintsundu ukuba kwiqweqwe leGlamour Magazine.