Ubonwe ngokuncuma ukuba uyavuya!

 

“Owu! ndimbone ngokuncuma umzukulwana wam uSiyabonga ukuba uyasivuyela isipho sakhe sesitulo esihamba ngamavili, yasika kum inimba,” kutsho uNolitha Gobonga nongumakhulu kaSiyabonga (23) emva kokuphiwa komzukulwana wakhe esi sipho nguBongiwe Siko.

USiyabonga wazalwa engakwazi ukuhamba nokuthetha, ezalelwa eUpper Gwadu kuGatyane, ngoku uyakwazi nokukhe aphume phandle abethwe ngumoya ngesi situlo.

Uncedo kweli tyendyana luze ngoBongiwe Siko osebenza kwisibhedlele sakuGatyane, apho uSiyabonga amana ukutyelela khona ngenxa yemeko yakhe.

USiko, encokola nephephandaba I’solezwe uthi wangenela kukhuphiswano lo mbutho iPublic Servants Association owaziwa ngePSA, apho kwakufuneka eqokelele iziciko zebhotile zeplastiki, ezedrinki kwakunye nezamanzi zizokwazi ukuphinda ziyokuvuselelwa zisebenze. Uthi ugcwalise iibhokisi ezintlanu ngezi ziciko ebemane ukuziqokelela encediswa luluntu ekuhlaleni. Emva koko waye wafumana umnxeba othi makathumele ileta ekhuthazayo ngaphezu kwezi ziciko sele eziqokelele ethi ‘kutheni le nto kufuneka ephumelele nje kolu khuphiswano?’

“Kwileta endayibhalayo ekhuthazayo ndachaza ngemeko embi kaSiyabonga kwanentsokolo umakhulu wakhe ajongene nayo umhla nezolo, eyokutyatha emqolo uSiyabonga xa emsa esibhedlele.”

Ilali abakuyo ziingxondorha ekungelulanga ukuba imoto mabasoloko beyifumana emnyango, ubude beekliniki ekufuneka uhambe umgama abe esemqolo. Kwaye umzali wakhe ngamanye amaxesha bekufuneka eqeshe imoto ngemali eninzi. Lo nto yandichukumisa kakhulu ukuze ndibone kubalulekile ukuba mandenze utshintsho lwemeko yolu sapho,” utshilo uSiko.

Umakhulu uNolitha uthi bebungekho lula ubom kuye ngaphambili, ebulela uncedo lukaSiko, esithi ubom bungcono kakhulu.

“ Yinto enkulu kuthi le kuba bekunzima nokuba siyithenge. Komnye umntu ingangathi yinto encinci okanye engenamsebenzi kodwa kuthi yinto engenambaliso. USiyabonga ubomi bakhe ebehlala ebhedini, yimbali le kuthi uyaqala ukubanewheelchair. Nangona nje engakwazi ukuthetha, ndimbone ngokuncuma xa ekhwela okokuqala kuyo kucaca ukuba nakuye ibiyinto ebekudala eyinqwenela, nangona nje ebengazukwazi ukutsho. Nangoku siyamkhupha ahlale phandle abethwe ngumoya. Bendisokola xa kufuneka eye esibhedlele kuGatyane naseGcuwa okanye eMonti.

Ndothulelwe umthwalo nguMam’ uSiko,” udize oko uGobonga.

USiko ubulele kwabakwaPSA, uMam’ uNgebe kwakunye noTat’ uNqeketho abathe benza imini kaSiyabonga yohluka kunezinye.

USiyabonga usinikwe ngokusesikweni kwiveki ephelileyo isipho sakhe. Umsitho wabe uzinyaswe ngamagosa ezeMpilo esi sibhedlele, uceba wala mmandla kwakunye nenqununu yesikolo iUpper Gwadu.