Ngekuthathe iintsuku ukuba libhaqwe ixhegwazana elibuleweyo ukuba bekungasiwanga ukutya kwehagu emzini walo. Oku kudale isankxwe kuluntu lwaseNqabarha eDutywa.
Oku kuza emva kokubulawa kabuhlungu kwexhegwazana elihlala lodwa kwilali uNtantala, libulawa yindoda eze njengomolusi kule lali nebihlala ebumelwaneni bexhoba.
Ixhoba nguNonejele Ntantala oqikelelwa kwiminyaka efikileyo kumashumi asibhozo (80) ubudala nongenabantwana. Udlwengulwe wakugqiba wahlatywa wabulawa yindoda yaseNgcingwane eye ngoko lusa imfuyo kuNtantala.
UNonejele ubhaqwe ngoMgqibelo wempelaveki emva kwentsimbi yesithathu emveni kwemini, ebhaqwa ngumntu obese ukutya kwehagu kwaNonejele.
Iingxelo ithi ixhoba libulewe ngobusuku ba ngoLwesihlanu.
Umrhanelwa naye kuvakala ukuba ebemane enceda pha napha kwaNonejele kuba eyedwa, kungoko lithathe ithuba lokumhlasela.
Ilungu losapho elithethe neI’solezwe lithi udadobawo wakhe ubulawele ukulwa njengoko umrhanelwa xa ebencinwa ngabahlali kuthiwa uthi eli xhegwazana ulibulele kuba belizama ukuzilwela walihlaba ngemela walibulala.
“Sibuhlungu kakhulu nokuba ebengenabo abantwana udadobawo ibingathi lonto makabulawe kabuhlungu kanje ayilotyala lakhe ukungabinabantwana.
“Sikhalela ukufa kabuhlungu kwakhe ebengakufanelanga ukufa ngolo hlobo,” litshilo ilungu losapho.
Le ndoda ithathiwe ngamaPolisa iseziseleni eDutywa nalapho ijongene netyala elokudlwengula kwanelokubulala.
Usapho luthi usuku lokufihla umakhulu alukaziwa. Usapho lusazakuchopha luthethane ngamalungiselelo.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo