Elowo nalowo makazilungiselele untyilo-ntyilo owenziwa nguBrenda Ngxoli nanjengoko esiqhayisela ngelizwi lakhe kwidrama engomculo enkqonkqozayo kule nyanga.
Lo mdlalo iHustle, ubuke wadlala kwi-eKasi okokuqala ebutsheni balo nyaka, kodwa ngoku ugalelekile kwi-e.tv. IHustle iqala ngoMvulo we-26 kweyoMsintsi ngo-21h30, ingena kwindawo yoMlilo nanjengoko lo mdlalo ufikelela esiphelweni. Le drama ilandela ibali likaKitt (odlalwa nguBrenda Ngxoli), nowayesa kutshatshela kumculo ngeminyaka yee-80s, nekungoku ofuna ukubuyela esithatheni kwakhona.
UKitt wayekhupha amacwecwe atshisayo ngeminyaka yoo-80 kunjalonje ethandwa ngabalandeli bakhe, ikhonsathi zakhe zigcwala, kodwa ngoku, ikhono lakhe lomculo ligcwele iintanda. Waqala ukuduma ngexesha ecula neqela lomculo iThe Sparrows, oodade bakhe kunye nesihlobo sakhe sokwenene. Ukuzimisela kwakhe kwanelizwi lakhe elitsho kamnandi ezo zizinto ezamenza wagqwesa.
Lakufika ithuba lokuzimela ngenkqay’ elangeni – walithabatha ngazo zozibini ngaphandle kokubheka-bheka. Udumo lukaKitt sele luzinkumbulo xa kunamhlanje, ngoko yiyo loo nto egqibe kwelokuba akhe athabathe unyawo olubuyayo. Lo mdlalo umthabatha kanye xa ezama ukuzixhoma kumanqwanqwa aphezulu kwakhona.
Sibona xa ezama ukuzisindisa ekuxwaxweni nokuba yintlekisa. Kulo mdlalo sikwabona abadlali abafana nooDineo Ranaka, Zolisa Xaluva, Mothusi Magano, Masello Montana, Andile Nebulane noLungelo Lubelwana. Ungaphoswa!
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!