Ongumseki, nomphathi olawulayo wenkampani yeentengiso iLobengula Advertising, uBrenda Khumalo uchongelwe amagqibela kankqoyi kumawonga abasetyhini kwiStandard Bank Top Women Awards 2024, nalapho echongwe amatyeli amabini.
UKhumalo uchongwe kuluhlu lweTop Women Young Achiever, kunye Top Women Entrepreneur of the Year. La mawonga aza kubanjwa ngokuhlwa kwangoLwesithathu umhla we4 kule nyanga yoMnga, eSandton Convention Centre, eRhawutini.
Oku kuvela ngexesha apho uKhumalo ebezimisele ngokukhula kweqhinga le’arhente yakhe emanyanisa iinguqulelo ezintsha nokubaliswa kwamabali ayinyaniso kubathengi bakhe kwishishini leentengiso nelokuzithengisa.
Le nkampani yathi yasekwa ngexesha lobhubhani wehlabathi ngo2020, iarhente kaKhumalo ikhawuleze yazenzela igama ngamawonga abalulekileyo, ibandakanya ukomelela kunye nobuchule kumhlaba okhuphisanayo noguqukayo.
“Ukuchongelwa kumagqibela kankqoyi kwiStandard Bank Top Women Awards kubonisa ukusebenza nzima nokukhuthala kweqela lethu kwiLobengula Advertising. Ndiziva ndithobekile ukuba phakathi kwamanye amatshantliziyo abumba ikamva loMzantsi Afrika,” utshilo uKhumalo.
Uhambo lukaBrenda ukusuka ekuqaleni kwakhe KwaZulu-Natal ukuya ekubeni ngomnye wabalawuli abancinci ababhinqileyo nabantsundu kwicandelo lakhe luqaqambisa ukuzimisela kwakhe kunye nomoya omtsha.
ILobengula Advertising ibonisa umbono wakhe wokuxhobisa abasetyhini, ngamashumi asixhenxe eepesenti (70%) abasetyhini abamnyama abangabanikazi mashishini, kunye nabasebenzi ababhinqileyo abangamashumi amathandathu anesixhenxe eepesenti (67%), ukuguqula ishishini elonganyelwe lulawulo lwamadoda.
Njengelungu lebhodi le’Association for Communication and Advertising (ACA) kunye neembasa ezilinelekileyo, impembelelo kaKhumalo idlulela ngaphaya kwe’arhente yakhe, ukuxhasa ubuchule bokuyila, iilwimi zesintu, kunye neyantlukwano kolu shishino.
IStandard Bank Top Women Awards ibhiyozela impumelelo yeenkokeli zabasetyhini eziqhuba ukukhula koqoqosho nokudala amathuba eMzantsi Afrika.
Abaphumeleleyo bazakwaziswa kumsitho wamawonga ngoLwesithathu, umhla we4 kweyoMnga, eSandton Convention Centre, eRhawutini.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!