UbuAfrika masibuphile umhla nezolo!

Umhla wamashumi mabini anesihlanu kwinyanga kaCanzibe, ngowona mhla ubaluleke kakhulu kwimbali yezwekazi iAfrika.

Kaloku kwisithuba seminyaka engama-53 eyadlulayo, iinkokheli zezwekazi leAfrika zahlangana ngomhla wama-25 kuCanzibe, ngomnyaka ka1963, zikhokelwe ngamaxhwangusha eenkokheli zeAfrika ayephume izandla afana noKwame Nkrumah waseGhana, uHaile Selassie waseEthiopia, uMwalimu Julius Nyerere waseKenya, uKenneth Kaunda waseZambia, uSekou Toure waseGuinea, nezinye iinkokheli ezininzi.

Onke la maAfrika ayehlangene ngenjongo enye, ukubuyisa isidima seAfrika nokuzimela kweAfrika okwahluthwa ngamakoloniyali ayesuka kumazwe aseNtshona. Xa sibhiyozela ukuzingca kwethu ngezwekazi lethu iAfrika, kumele sizibuze imibuzo eliqela ukuze siqiniseke ukuba imibhiyozo yethu isemgaqweni okanye ifanelekile kusini na.

Andithi malungabhiyozelwa olu suku sithi maAfrika, koko ndithi ukubuphila ntsuku zonke ngokwenene nangenyaniso ubuAfrika, kohluke kakhulu kunokubekela bucala usuku olunye lokububhiyozela.

Kwimisebenzi nakwimibutho emininzi kwizwekazi jikelele, ngomhla wama-25 abantu abazingcayo ngobuAfrika bakhuphisana ngezinxibo zabo ezihle ezizoba iinkcubeko ezahlukileyo zabantu abazibiza ngokuba bangamaAfrika.

Umbuzo ke ngulo: Xa sizingca ngenene ngobuAfrika bethu, kungani na ukuba isinxibo sethu maAfrika, sinxibo eso salatha ubuntu bethu nemveli yethu, sisinxibe kuphela ngolu suku lokubhiyozela ubuAfrika? Ingaba ngenene ubuAfrika buchazwa buzotywe kakuhle ngezinxibo nezambatho?

Ngolu suku imibutho nemizi yemisebenzi ikwakhuphisana ngezidlo zeenkcubeko ezahlukileyo zamazwe aseAfrika. Kanene yintoni isizathu sokuba izidlo zethu maAfrika zivele kungenjalo zigqame kuphela ngosuku lokubhiyozela izwekazi lethu, sibe umhla nezolo sithontelana kwimizi ethengisa ukutya kwamazwe aseNtshona efana nooKFC; MacDonalds; Steers; Spur neminye emininzi? Kungani na ukuba singakusebenzisi ntsuku zonke ukutya nezidlo ezizezethu maAfrika?

Kutheni singasebenzi ngamxhelo-mnye singamaAfrika, sigunyazise ukumiselwa kwemizi eza kuthengisa izidlo ezizezethu, kwaye siyixhase loo mizi ngokufanayo nendlela esixhasa ngayo le mizi yasemzini?

Ndiyaphinda, usuku lokubhiyozelwa kwezwekazi leAfrika, umhla wama-25 kuCanzibe, lusuku olubalulekileyo kuthi ma-Afrika, kodwa ukuba sizingca ngokungahana-hanisiyo ngobuntu bethu, ngemveli yethu, ngeelwimi zethu maAfrika nangeenkcubeko zethu, bekumele sibuphile kwaye sibubhiyozele umhla nezolo ubuAfrika bethu.

Kule mihla amaAfrika akowethu athetha isiNgesi nezinye iilwimi zaseNtshona kwimizi yawo nakwiindawo ahlanganela kuzo.

Kule mihla thina maAfrika sikhuphisana ngezinxibo zasemzini, ukuqhuba iimoto ezinamagama amakhulu ezisuka eNtshona, kwanokuhlala kumapomakazi ezindlu, ngeli lixa abantakwethu neentombi zeAfrika abahlala kwiindawo esihlala kuzo belala bengatyanga, bambi belala phantsi kwemichankcatho ezidolophini, phofu bambi kubo bengenayo kwaloo mpahla yokwambatha.

Nditsho nkqu kwalapha kwisizwe sakwantu esihlonitshwe kakhulu kwizwekazi leAfrika, yaphelayo inkomo yenqoma yokugxoth`indlala nentlupheko kulowo usweleyo.

Laphelayo nesiko lokukha umntu nangenkukhu le yembala, ukuze naye akwazi ukulala edle inyama, avungule amazinyo njengabanye.

KwiAfrika yamandulo kwakugidelwana, kuphekiswane kwambeswane kungajongwanga mbuyekezo. KwiAfrika yasendulo umntu wayengumntu ngabantu, kungapheleli nje kwintetho, koko oku kubonakaliswe nangezenzo.

KwiAfrika yamandulo isandla sasihlamba esinye, hayi ezi zanamhlanje zikholose ngokufumbatha izixhobo zokuhlanzisa kwa-eli gazi leAfrika.

Nangeli xesha lengqobhoko, phaya phambili bebesithi abantwana xa bephumelela esikolweni besiya kwizikolo zemfundo enomsila, kuthontelwane ngabazali bokuhlala kumawabo, bathandazelwe, bayalwe, bakhiwe ngelizwi, bafunjathiswe imali nokuba incinci kangakanani, baphiwe iingubo, izitya nezinye izinto, kuba kaloku ngelo xesha imfundo yomntwana ibingeyoyakhe neyosapho lwakhe kuphela, koko ibiyeyelali iphela, iyeyesizwe siphela, iyeyezwekazi ngokubanzi.

Xa sibhiyozela iAfrika maze sikhumbule ukuba uninzi lwamaAfrika kumazwe eli zwekazi asezimpini kuyaliwa kuphalala igazi.

Sikhumbule ukuba uninzi lwamaAfrika alala etye intlabathi kuba indlala ibhokile. Kumanye amazwe eAfrika kuthinjwa abantwana namanina bangcikivwe baphelelwe lithemba lokuphila.

Amazwe amaninzi eAfrika akholelwa kwelokuba akhululeka kwingcinezelo yobukoloniyali eyeza namazwe aseNtshona, kodwa kuloo mazwe kusakhonya iilwimi zaseNtshona, kusetyenziswa imali yasentshona, kwaye kusalawulwa ngemithetho nangemigaqo-siseko yamazwe aseNtshona.

Kumanye amazwe aseAfrika kuneenkokheli ezilawula ngegqudu, zigcwalise oovimba bazo nobeentsapho zazo ngemali yabantu abahleli endlaleni nasebugxwayibeni.

Iya kuthi ukuze ilunge iAfrika ilungiswe sithi maAfrika. Ewe zikho iindawo ezincomekayo nezinika ithemba njengeZimbabwe ekholose ngezakhono ezincomekayo zemisebenzi kubemi bayo, neYiphutha enoqoqosho olukhula ngendlela emangalisayo.

Kuwo omabini la mazwe nakwamanye ahlumayo, kugxininiswa ekuzingceni kwamaAfrika ngobuAfrika, nangokungaxhomekeki kakhulu kumazwe aphesheya ukuze ilizwe liphuhle okanye likhule ngokoqoqosho.

Luya kuthi ukuze luvakale udumo lweAfrika, ubuAfrika sibuphile umhla nezolo, endaweni yokulinda usuku oluthile ukuze sizingce ngobuAfrika bethu!