Ububele bukaNgebulana bungcamlwe nangabo banenkubazeko

Kumfanekiso wokuqala nguZimkhitha Mzondi (Ms) noAnelisa Phindiso(Mr) abangaboniyo
iAssociation of and for Persons with Disabilities (APD) newelwe ngumqa esandleni wokufumana izixhobo zokuncedisana nabo banenkubazeko. 

NgoLwesine we8 kweyoMdumba, ezi zixhobo zigaleleke kwi-ofisi yeAPD ekwindawo yaseKhwezi eMthatha, zisuka kwiBillion Group kunye neBT Ngebs City ezikhokhelwe nguSisa Ngebulana, oyinzalelwane yaseCorhana.

Ngokutsho kukasihlalo jikelele we-National Centre of and for Persons with Disabilities (iNCDP), uTherina Wentzel, sekuyiminyaka emihlanu besebenzisana beBillion Group, ukusuka ngethuba kusakhiwa iBayside Shopping Mall eBhayi. Uthi babizwa leli qela ngeenjongo zokufuna ukuva kwelabo icala mayela nendlela abafuna yakhiwe ngayo iBayside ukuze abakhubazekileyo babenako ukuyisebenzisa ngokufanayo naye wonke umntu. 

“Yaphinda yasibizela bucala iBillion Group ngethuba isakha iForest Hill eTshwane, nangethuba besakha iHemingways noMdantsane City eMonti. Kungoku nje abantu abakhubazekileyo banako ukundwendwela iindawo zokuzonwabisa nokuthenga abo bakudingayo kwiindawo zikaNgebulana”, kutsho okaWentzel. 

Abaqhwalelayo bafumene iintonga zokuhamba, abangenako ukuzihambela bafumene izitulo ezinamavili, abo bangaboniyo banikwe amakhuni okuhamba (White Canes). Bebonke abaxhamli bangama-55 kwaye kusenziwa amacebo okufikelela nakwabanye abangafumenanga kweli tyeli.

Owaphulukana nokubona ngamehlo, uAnelisa Phindiso nowanyanzeleka ayeke umsebenzi  eMedupi Power Station eLimpopo, uye wangomnye wabo baxhamlileyo. Ubulele ngokungazenzisiyo ngale nkxaso watsho esithi into yokuqala ajonge ukuyenza kukufunda ukuzihambela ngaphandle koncedo. Uthi obona bunzima ibikukuzihambela aye edolophini nokuphepha imingxunya enobungozi. Inina laseShawburry elifunda e-Efata uZimkhitha Mzondi wafundiswa esikolweni ukusebenzisa olu swazi, ebedinga nje umntu onokumxhasa ekuyithengeni.

I-APD isebenzisana namasebe afana nelezemfundo, elezempilo kunye nelezentlalo ukuqinisekisa ukuba uluntu lufumana ulwazi nemfundiso malunga neendlela zokuphilisana ngenzolo nabo banenkubazeko.

 Unyaka nonyaka eli qumrhu libanomxholo elisebenza ngawo, kweli ityeli uthi, ‘Yibaliqhawe mihla yonke ngokukhathalela abo banenkubazeko’. 

UZekhala Gqwetha ongusihlalo weAPD kwiphondo uthe banethemba lokuba iBillion Group isezakuqhubeka isebenza nabo njengoko basaludingayo uncedo kwimiba elolu hlobo. Bambulele ngokungazenzisiyo okaNgebulana ngemisebenzi athe gqolo ukuyenzela abemi beli ingakumbi abeli phondo.  
OkaWentzel usicacisele ngobunzima obuviwa ngumntu owakhe wabona ngaphambili, watsho esithi, “Ongazange abone akananto enokuyikhumbula kuba engazanga ebone nto kodwa owakhe wabona uyadinga ukufumana ukolulekwa engqondweni. Senza konke okusemandleni ukuba siqhelanise abo bangaboniyo nenkqubo ebizwa ngeOrientation and Mobility Training ukuze kubelula ukuzisebenzela kubo”. 

Eli qumrhu libongoze oongxowankulu beli ukuba bazeke mzekweni banikele nangantoni engaluncedo kwabo bachaphazelekayo.