Ubuchwepheshe bokusombulula iingxaki zempilo emaphandleni

Ikliniki yaseQunu eMthatha

KHA ufane ucinge xa uvuka ekuseni uphethwe ziingqaqambo okanye ungaziva kamnandi, kunyanzeleke ukuba uye kwiziko lezempilo.

Xa ufika kwiziko lezempilo, abongikazi okanye ugqirha, akuxilonge adontse igazi, akuyalele ukuba linda iintsuku okanye iiveki phambi kokuba wazi eyona nto ugula yiyo.

Konke oku kungatshintsha ukuba nje urhulumente waseMpuma Koloni, angawuphumeza umbono owenziwe ngabakwaMicrosoft bebambisene nabakwaBrightwave kulandela iApp (iqhosha lobuchwephese kwifowuni) eyenziwe ngabakwaPhulukisa Health Solutions.

Le nkquleqhu, iza kubangela ukuba xa isigulana sifika kwiziko lezempilo sikwazi ukufaka iinkcukacha zaso kule App, ezifana nesazisi, ukuze kuvele yonke imbali yezempilo ngaso.

Le App, iza kusebenzisana nebhokisi ethile ekwiziko lezempilo elithabatha inxaxheba koku, ukuze kwenziwe uxilongo, zibuye iziphumo ingaphelanga imizuzu engamashumi amabini.

Ikliniki yaseQunu eMthatha, yenye yezichongwe njengezo ziza kuthabatha inxaxheba, ukuba nje lo mbono ufikela kwiintliziyo zabo basemagunyeni kurhulumente waseMpuma Koloni.

“Esi sixhobo siza kubangela ukuba songe ixesha kuba kuza kubalula ukufumana iinkcukacha zesigulana. Nokuba wakhe wagonywa okanye waxilongwa kwenye indawo, esi sixhobo siza kubangela ukuba sazi banzi ngesigulana.

“Ngokwenkqubo yethu yesiqhelo xa kukho isigulana esingakwazi ukusinyanga ngelo xesha, siye sitsale igazi lesigulana eso emva koko sithumele [elebhu] ukuze kubuye iziphumo emva kweentsuku okanye iiveki. Kodwa ngenxa yesi sixhobo, yonke into siza kuyenza ngemizuzu engephi sazi ngayo yonke ephethe isigulana,” kutsho umongikazi kwikliniki yaseQunu uWongekile Nkalane.

Umongameli wakwaMicrosoft uBrad Smith uthi esi sixhobo sobuchwepheshe siza kudlala indima ebalulekileyo ekuguquleni imeko yempilo kwimimandla yasezilalini.