Ubuhlanga abunandawo kwi-DA

ABO bathe gqolo ngentetho enobuhlanga abanandawo kumbutho weDA.

Oku kuthethwe yinkokeli yombutho uMmusi Maimane kwiziko lembali yengcinezelo eliseGoli.

UMaimane uthe, “Ukuba ungunomntu onobuhlanga wushiye umbutho weDA, asiyifuni nevoti yakho,” utshilo uMaimane.

Ukwathe amalungu amatsha azibandakanya neDA, kuquka nalawo ahlaziya ubulungu bawo azakusayina isifungo sokuba akazukuba nobuhlanga kwaye azakulwa ubuhlanga. I-DA izifumene ityatyekwa ngobuhlanga emva kokuba ilungu lepalamente kulo mbutho uDianne Kohler-Barnard wathi wapapasha kwikhasi likaFacebook amazwi anqwenela ukubuya kukaBotha. Ukanti noPenny Sparrow ofanise abantu abantsundu neenkawu kuvele ukuba ulilungu kulo mbutho.

UMaimane uthe, “Abo bathe basophula esi sifungo bazakuphulukana nobulungu babo ngokukhawuleza.”

Ukwayibethelele eyokuba uMzantsi Afrika lilizwe labantu abangalinganiyo, kwaye uninzi lwabo bathwaxwa yintlupheko ngabantsundu.

Uqhube wathi, “Alikhulu amathuba okuba umntwana womntu ontsundu ahlale entyumpantyumpeka entluphekweni kunomhlophe ngebala, kwaye omhlophe unamathuba amathandathu emfundo ephakamileyo kunontsundu.”

Ukwakhalimele ukwenziwa intlekisa kwabantsundu.