UBUHLE BAMABELE ENTOMBI

Intaba yelali yakuMabelentombi kuNgqwarhu kuCofimvabaUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

ITHI intombi yakukhulelwa ziingono zamabele kwilali yakuMabelentombi kuNgqwarhu phantsi kwesithili sakuCofimvaba, ikhangele ezontaba zalo lali ngenxa yokufuna ukuba amabele ayo ade afane nazo.

Oku kungenxa yokuba iintaba zale lali zifana twatse namabele entombi nto. Ezi ntaba zale lali zimbini zithe tso okwamabele entombi nto. Zilibhongo neqhayiya kubahlali bale ndawo.

Nabezokhenketho bathe gqolo ukufika bezityelele maxa wambi bachithe ithuba apha ngakuzo, bebukela loo ndalo intle kunene.

USebenzile Mberane wale lali uthi bayazidla ngesiphiwo esihle esingaka abasiphiwa nguMdali.

“Ndizalelwe apha zintle zinje ezi ntaba. Thina sizibona njengeqhayiya esalinikwa ngoPhezulu kuba abantu abaninzi abanazo iintaba ezintle njengezi zethu,” utshilo uMberane.

UMberane uthi ezi ntaba zingumfuziselo wobunyulu kuba intombi nto ithathwa njengomntu onyulu ongekadibani nandoda. “Ngenxa yobuhle bazo siye sifikelwe ngabakhenkethi bazokuzibuka, bathathe nemifanekiso” utsho uMberane.

Inkosikazi ezichaze njengoPhumeza Sobanjwa ithi xa abantwana abangamantombazana bekhula iingono zamabele kule lali, baye bamane bathi gqolo ukujonga kwezi ntaba belindele ukukhula kwamabele abo.

Omnye umhlali wakuMabelentombi uSicelo Nkunzana, uthi unqwenela ukuba zingabavelisela amathuba engqesho ezi ntaba.

“Bubutyebi bethu ezi ntaba, yiyo lo nto nathi singathanda ukuxhamla xa kunokudaleka amathuba engqesho. Eyona golide yethu zezi ntaba,” utsho uNkunzana.

Ezi ntaba ziphantsi koluhlu lwezona ndawo zinomtsalane kubakhenkethi kumnatha wonxibelelwano womasipala iNtsika Yethu, umasipala odibanisa iTsomo neCofimvaba.

Isithethi salo masipala uZuko Tshangana, uthi uphando malunga nomhlahlandlela wokuba zenze ushishino ngokwezokhenketho ezintaba lalenziwe.

“Liyinene elokuba ezi ntaba zezinye zeendawo ezinomtsalane ngokwezokhenketho kumasipala wethu. Umceli-mngeni esinawo okwangoku yimali.

“Xa sele ifumanekile imali siza kuqala ukuyila amalinge okuba zenze imali ngokwezokhenketho ezi ntaba,” kutsho uTshangana.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za