Ubukhosi bamaGando kaNgcwangu

Phambi kokuqhubela phambili ngesi sihloko singasentla apha makhe ndicacise, umahluko phakathi kwamaKwayi namaGando kuba uninzi lunento ethi amaGando ngamaKwayi kanti akunjalo, ngokwembali esi siduko samaGando sasekwa ngexesha lobhukuqo lukaGando ngamaphakathi akomkhulu, akugqiba amambathisa igama lobuKwayi emcima emaTshaweni, kodwa kulo migudu, amaGando kaNgcwangu zange ombathiseke okanye amnkele eso sinqulo. Nanjengoko sisazi kwanomiselo lwaMakwayi ngonyaka ka1683, uGando wayengekazalwa ngelo xesha.

Imbali inabisa, icacise kakuhle into yokuba uGando ubuqu, wabhubha engu Gando umTshawe engazange wabandakanyeka nakumiselo lwamaKwayi.

NgokukaTB Soga Intlalo kaXhosa, ihambisa ithi “Ngexesha lemfazwe yesikhaya uGando nabalandeli bakhe uwelele ngaphesheya kweNxuba, wona amaKwayi asala, nganeno kweNxuba”.

Lithe lakukhala ikhwelo le (Khoikhoi Rebellion of 1799-1802) ezindlebeni zikaGando zange abenamathandabuzo koko waqubula owakhe umkhosi wayokuncedisa umntakwabo uTshiwo, emva koko baxolelana wabuyela ekhaya nabanye babalandeli bakhe nendlu yakhe, abanye basala kwesika- Nkosi uHinsati wamaKhoi sans ngalo minyaka yolawulo lamangesi.

Ababhali ke abanjengo JH Soga (1930) abayifikelelanga le ndawo, kodwa bayayithetha inyani yokuba (“This appears to have political connotation”qoute). Kuyafumaniseka ukuba abanye abantu abafuni kuyiva le imbali, babambe le nto yokuba uGando wemka emaTshaweni waba liKwayi kuphela, kanti ngamampunge lawo, thina singamaGando kakumkani uNgcwangu hayi amaKwayi.

Ezinye iimpembelelo zezi, ngexesha lombuso wamangesi ukuza ngeli (Transkei neCecikei) lempumakoloni apha eLady Frere ukusuka eLanti phezu komlambo Indwe ukuya apho iphela khona iLady Frere kweli cala selisaziwa ngokuba yiRhode kanye ukufika kwabaThembu bemfuduko, abantu bala ndawo ukusukela apha kwiNdwe River (Lanti), Mtyhintyini Mbinzane, Mdeni nezinye iindawo bafa abantu apho, befuduswa emihlabeni yabo ngendlondlo, ooTata nooMama nabantwana babelala ezigangeni kusithiwa ngamadyakopu, andiqinisekanga ngeli gama, kodwa okuncinci endikwaziyo, lalithetha ukuba singabavukeli amaKwayi, abantu abangalawulekiyo, hayi ukuba umGando liKwayi.

Mandibuyele emxholweni, ngokwembali lendlu, yindlu yasekunene kukaXhosa esizakutyebiselana ngayo, eyatshatyalaliswa ngexesha lombuso wamaKolonali. Umbuso wamaNgesi wamilisela iGlen Grey act 25 of 1894 ongomnye wemithetho eyathatha inxaxheba enkulu ekukhukuliseni ubukumkani nobukhosi bookhokho bethu, usoxutha amandla nemihlaba ephantsi kolawulo lwazo, bakugqiba babanike iziqwengana zemihlaba eziphantsi kolawulo lukaRulumente.

Ubanyanzelisa ukuba babhatale irhafu, ngeenjongo zokuba bayokuphangela emigodini nakwiifama zabo, bambi baphela bengenayo enye indlela koko bazithoba phantsi kwaloo miqathango yayinzima.

Unyana kakumkani uNgcwangu ozala onke amaGando owayelitsha ntliziyo, ngomnye wamagorha eli lizwe, uzilwile iimfazwe zee18th century, wabalelinye lamaxhoba awoxutwa imihlaba nobukumkani waza wanikwa isiqwengana sokuziphilisa. Lo mthetho wawukhohlakele kakhulu kangangokuba wawungoxuthi imihlaba nobukhosi kubantwana begazi nabemi kuphela, wawuchitha yonke inkqubo abayimiliselayo malunga nobukhosi babantu abantsundu, basala beziimpula zikalujaca bengenayo eny’indlela.

Imbali ke yona eyenzeka phambi kolawulo lukaPhalo, ayizange ibhalwe phantsi yonke, kodwa ingathethi ukuthi lo nto imisebenzi yezinye iikumkani neenkosi zemveli ebezikho ngaphambi koPhalo mazingcwatywe kulityalwe ngazo, ngoba nazo zinayo iminombo, ukuzokuma nakwesi sizukulwana. Indlu kaGando kaNgcwangu ngamaTshawe lawo.

Njengoko umnombo wamaTshawe ngokuka WB Rubusana umisa kakuhle uthi, uTshawe wazala uNgcwangu ekunene, uNgcwangu wazala uThembu nabanye, waza wazala uSikhomo kwindlu enkulu hayi ukuthi uThembu wazala uNgcwangu ayinjalo lo nto. le ndlu kaNgcwangu yile ihlanganisa uThembu noXhosa.

Ithi imbali lo mhlaba wabaThembu ibingoka- Ngcwangu, amaTshawe, ekubhubheni kwakhe, uGando ubeyiParamount chief sovereignty Succession (17th century in Thembuland) uNkosana uJantyi Ngcwangu ebeselula ngelo xesha. Kule mihla siphila kuyo asinamathandabuzo ukuba le ndlu kaNgcwangu isisiseko sazo zonke izindlu ezikhoyo zasekunene nasekunene kokunene kukaXhosa.

Kungumnqweno wethu ukuba onke amaGando kaNgcwangu mbambo-zone zomhlaba azi ukuba ookhokho bale ndlu abalibalekanga, indima yabo abayidlalayo, namadabi abawalwayo, noxinzelelo abalufumanayo nditsho noChube abazika kumlambo Indwe (Indwe River) osele usaziwa ngomlambo kaGando. Manditshaye!

UNkosi Bangikhaya Desmond Malusi Bebi-Ngcwangu sisithethi samaGando kaNgcwangu jikelele.