Ubukhosi Busesebugxwayibeni

Umz’oNtsundu jikelele kweli loMdibaniso unesikweleti esingasokuze sihlawuleke kumzi kaXhosa, kuba uxhathisile, usilwa abangeneleli babarhwaphilizi bamaNgesi kwiimfazwe ezisithoba nakumadabi angenakubalwa kwisithuba sekhulu leminyaka. Ngokwenjenjalo balilibazisile iphulo labeLungu lokurhwaphiliza umhlaba wezinye izizwe. Nangoku xa kuthethwa ngemilo eyayiphakathi kwaba beLungu nezinye izizwe wova kuthethwa ngamadabi, hayi ngeemfazwe.

Emva kweenkokheli zezizwe zamaLawu, iinkokheli ezabhaciselwa kwiSiqithi sikaNxele, ngenxa yokulwela umhlaba nenkululeko yomz’oNtsundu, zezalapha kweli khaya. UMaqoma noXhoxho ngabantakwab’oTyhali abavalelwa kwesiya siqithi. UJongumsobomvu ke yena wada wavalelwa kabini, bambulala abeLungu kwityeli lesibini ngenxa yokuba babemoyika ngokugqithileyo.

Mntwan’omhle Nkos’uMzukisi, nani nonke baNtwana beGazi, yazini ukuba itheth’ukuthi ninoxanduva olungaphaya kokuqonda lokubuyisa isidima somz’oNtsundu; lokukhulula abantu booyihlo kwisifo sobuhlwempu, sokungasebenzi nesokuhlala ningaphantsi kwezinye iintlanga kwilizwe lenu. Le mini itheth’ukuthi izithethe namasiko okuphila nonqulo awayelandelwa ngokhokho bethu masiwaphuthume.

Itheth’ukuthi imihlaba eyohluthwayo ngabangeneleli mayibuyiswe. Itheth’ukuthi ubutyebi obungaphantsi nangaphezulu komhlaba, nabo nobuya busemanzin’olwandle mabubuyele kubanini beli lizwe.

BaNtwana beGazi awungeze ukwazi ukusombulula ingxaki ngamacebo omenzi wobubi. Umhlaba awungeze ubuyele kubaniniwo ngokuthengwa kubantu abangazange bawuthenge. Imali isekubo; thina sisahlwempuzeke ukusukela mhla bawuthatha. Le nto ithetha ukuthi iiNkosi zeli lizwe loMdibaniso maziyazi inyaniso ethi uManyano ngaMandla. Mazihlangane, zithethe ngazwi linye, zithi, “Mazibuy’emasisweni”, zahlukane nent’entsha yokulwa ngezi zikhundla zikula maqong’amatsha eziNdlu zeeNkosi. UMbutho weeNkosi i-Congress of Traditional Leaders of South Africa (CONTRALESA) mawuvuselelwe, ukhule, uphinde ubeloluya qilima lwenza ukuba bangaphumeleli oofunz’eweni ababesithi kwakutshabalala inkqubo yocalucalulo kwakubhanga nobukhosi.

Kukho amaphulo athi xa uwajonge ngeliso elingenabunzulu ucinge ukuba aza nobuhle, kanti aza nengozi yokumka kwalo sisahleli kuwo umhlaba. Walumkeleni amasu athetha ngolawulo lomhlaba wezizwe zenu ningekho.

Xa kunokwenzeka nivume umhlaba wenu ulawulwe ningekho nezizwe zenu, kumhla wabuyela kubeLungu. Umhlaba ngokwesiNtu awuthengisi, kuba kufuneka nehlwempu elingenanto njengompha ochutywe walahlwa libenayo indawo yokwakha ikhaya, eyokulima ukutya neyokutyisa imfuyo yalo.

Xa ningathethi ngazwi linye, izilumko zabumini, ezisezingxoweni zoongxowa-nkulu zabanoluphi na uhlanga, ziyakunilahlekisa, nibone sele nirenta iindawo zokuhlala kubaphambukeli.

Ubukhosi busesebugxwayibeni, maRharhabe; ncedani ningakhohliseki. Ubukhosi asiyonto yokuxhasa amany’amaziko olawulo, ingakumbi awakutsha nje. Ngalawo maziko matsha afanele ukuxhasa ubukhosi. Lumkelani ukumfamekiswa ngezikhundla ezingasisi ndawo.

Buzani ukuba kungani na ukuba iiNqila zethu zibengamabhodlo angenazixhobo namagosa okusebenza kodwa zona iiPalamente nooMasipala banezisemgangathweni ophezulu ngendlela engathethekiyo.

Buzani ukuba kungani na abalawuli benkqubo yasemLungwini bona besamnkela imivuzo encumisayo, behamba ngeemoto ezinamagama, befundisa abantwana babo kwizikolo ezazifunda ababeLungu, zibe zona iinkosi zisamnkela intlekisa yemivuzo, zihamba ngeenyawo, zingakwazi nokusa abantwana bazo ezikolweni.

Ndicela iMingcangathelo inyaniseke kwiNkosi yawo uTyhali umntak’aNgqika, ongukhokho apha kuDibanis’uhlanga. Imizabalazo yabo babekhusela eli lizwe mayingabi lilize. Mxhaseni ngazo zonke iindlela uMhlekazi khon’ukuze aphumelele. Yizani ezintlanganisweni nakubizwa.

Ndicenga kakhulu amakhumsha la athand’ ukuxabisa ukuhlal’ edolophini. Kwisizwe seemfama zodwa indod’eneliso elinye ibayikumkani, batsh’ abeLungu. Imfundo yenu nolwaz’ enilufumana ekuhambeni lusebenziseleni ukuncedisa iNkosi yenu iphuhlise isizwe sakuni. Musan’ukuhambela phaya kude.

Iinkampani zabucala nawo onke amaSebe kaRhulumente, aph’ezantsi kude kuy’ephezulu, aneemali ezibekelwe bucala ukuphuhlisa uluntu (Corporate Social Investment).

Zifumaneka nzima ke ezi mali kuba zinobuceducedu obufuna ulwazi lwabantu abakhumshileyo, abakwaziyo ukwenza ii-Business Plan. Xa nihleli nolu lwazi ke edolophini anilutho esizweni senu.

Mhlekazi, Dibanisuhlanga, njengenkosi unalo ilungelo lokubiza ooSodolophu nooCeba babo, abaPhathiswa nawo amalungu ePalamente, beze eNqileni yakho, baninike ulwazi olupheleleyo ngeenkqubo zikaRhulumente zokuphuhliswa kwabantu bakayihlo.

Ezi ziphathamandla ngamaphakathi akho; asinguwe umlandeli wawo. Mayicace loo nto. Ndikhe ndibone emisithweni kusithiwa iiNkosi maziphakame, zinik’imbeko kuba kungena isikhakhamela esithile, suka ndithi ndakujonga, hay’bo, liphakathi nje eli. Umsila mawungazenzi intloko, maRharhabe.

Khumbulani ihlazo lamhla * -Harry Smith wanyathela uNkos’uMaqoma entanyeni kweliya laseBhayi, esith’uyinja kuba enezixhobo ezinamandla angaphezulu kwezakhe.

NjengoSekela Mphathiswa weSebe laBasebenzi nam lo ndiliphakathi kuni ziNkosi. Ninegunya lokundibiza, ndize namaGosa eSebe, sinixelele ngamalungelo abasebenzi, nangeendlela zokuwafumana loo malungelo. Andikwazi ukungezi ndibiziwe ke ngoko.

Ilizwe lisengxakini yolawulo olugxekwa mhla le. Imali yesizwe irhwaphilizwa ngapha nangapha. Oosopolitiki bayaxabana kodwa bathi bangamaqabane; bayathukana bade babulalane ngenxa yokuba kaloku kule nkqubo yasemzini wonk’umntu ufun’ukuba yinkosi, kwaye bafuna bonke ukuba phaya esithebeni semali yesizwe khon’ukuze baqale ngabo.

Ngumsebenzi wabaNtwana beGazi ke ukunqanda xa kunje. Xa zithe zahlangana iinkosi, zabumbana, zinokukwazi ukubiza oosopolitiki ukuba baze kuxela ukuba abantu aba bazo babahlukumezela ntoni na.

CAMAGU!

La ibingamazwi enkxaso eNkos’uPhathekile Holomisa (ah! Dilizintaba) wamaHegebe kubaThembu, eMqanduli, kumsitho wokugcotywa, kubekwa ngokusesikweni kukaNkosi Mzukisi Bongani Tyhali (Ah! Dibanisuhlanga) njengeNkosi yemingcangathelo kumaRharhabe.