“Bandibuze ukuba ingaba zimnyama okanye zimdaka ngebala na iinwele zam, ndathi zigolide. Baphinda bandibuza ukuba ingaba amehlo am aluhlaza okanye angwevu, ndathi angwevu.”
Le yimibuzo ejulwe kuKholeka Nxamleko waseZwelitsha eQonce, ophila nesimo seAlbinism. Akuphelelanga apha, uNxamleko uphinde wabanjwa wavalelwa kwisisele samapolisa ebekwa ityala lokubetha ummelwane wakhe.
Ngomhla wesithoba kule nyanga, uNxamleko uxabene nommelwane wakhe emva kokuba eve ukuba ubizwa ngegama elithi “inkawu”.
Kule ngxabano bagibiselene ngeglasi yokusela amanzi, nto leyo ethe yakhokelela ekubeni ummelwane kaNxamleko abenenxeba ebusweni. Ngenxa yoku, ummelwane kaNxamleko uye wayokuvula ityala emapoliseni aseZwelitsha.
Naye uNxamleko uye wayokuvula ityala, ekhalaza ngokubizwa “inkawu”.
“Amapolisa aseZwelitsha akakhange avume ukuba ndivule ityala lokuthukwa. Athe mandiyokufaka isithintelo senkundla kodwa ndala, ndisithi ndifuna kuvulwe ityala kuba ndithukiwe,” kutsho uNxamleko.
Kuthe ezinzulwini zobusuku, kwangala mhla wesehlo, amapolisa afika kwikhaya likaNxamleko esithi azokumbamba ngezityholo zokubetha ummelwane. “Ndababuza ukuba ndenzeni, bathi ndihlabe umntu ngeglasi. Zange ndivume. Kuthe ngosuku olulandelayo, afika amapolisa esithi mandiyokuvula ityala lokuthukwa, ndawaxelela ukuba andiyi kuba bendiyile andahoywa.
“Landicenga elinye ipolisa, ndade ndagqiba kwelokuba mandiye. Ndathi xa ndifika emapoliseni eZwelitsha, bandixelela ukuba mandingene eziseleni besithi ndibanjiwe, ndihlabe umntu. Ngelo xesha ndandihamba nomntwana wam oneminyaka emibini, ekhala ebukele ukuphathwa kakubi kwam.
“Ndala, kodwa amapolisa andirhuqa endijija ingalo esithi mandiye eziseleni. Bandifaka iiHandcuffs, bandifaka kwisisele esinamagumbi angasese anukayo neengubo ezineentwala,” utshilo uNxamleko.
Uthi ngosuku olulandelayo, wavela enkundleni apho wanikwa ibheyile yeR200.
Ukanti amapolisa aseZwelitsha alivulile ityala ephanda ngezi zityholo zityatyekwa wona. Isithethi samapolisa uNkosikho Mzuku, udize ukuba ityala likaNxamleko lichithwe yinkundla, hayi ngamapolisa kuba kungekho bungqina bubambekayo enkundleni malunga nezityholo zokuba wabukulwa. “Ukuze abe ufakwa izikhonkxo zezandla uNxamleko kukuba wayengavumi esilwa ukuba ayokuvalelwa,” utshilo uMzuku.
Uphando luza kwenziwa nangakumapolisa abandakanyekayo kule nyewe.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns