UbuKumkani babaThembu bukhahlele uOR Tambo

Osisithethi seKumkani yabaThembu eseluvalelweni uBuyelekhaya Dalindyebo, uNkosana Phandulwazi Mhlontlo,  uthi baziva benganakuthula xa ilizwe likhumbula uOliver Reginald Tambo.

“UKumkani uZwelibanzi Dalindyebo ngumntwana kaOliver Tambo, emva kokutshutshiswa kukaKumkani Sabatha Jonguhlanga Dalindyebo wabalekela eSwazini kuKumkani uSobhuza wegqitha waya eLesotho ngoncedo lukabawo Chamelehashini Kati, waza wagqithiselwa kuChris Hani,  yena wamnikela kwizandla zikaOliver Tambo, ehamba nabantwana bakhe abaquka le Kumkani iseluvalelweni,”ugadlele watsho uMhlontlo. 

Uthi nguTambo owathatha uSabatha Dalindyebo nosapho lwakhe waya kubagcina ezinkampini zeANC eZambia, emkhusela kwabo babemtshutshisa.

 “Ukufika kwakhe eZambia uSabatha uTambo wamgqithisela kumongameli waseZambia ngelo xesha uKenneth Kaunda waza wamazisa nakwizizwe ezimanyeneyo nembumba yamazwe aseAfrika iOAU, yimisebenzi kaTambo leyo,” utsho uMhlontlo.

 

Uthi nguOliver Tambo owafungayo ngokubuyiswa kwamathambo kaKumkani uSabatha Dalindyebo emva kokubhubha kwakhe elubhacweni eZambia.

 “Wathi ukuba iKumkani yabaThembu ingabhubhela eZambia akanakuvuma ukuba ingcwatyelwe apho, nyani wasebenzela ukuba ibuyiswe ngo1986 ize kungcwatyelwa komkhulu eBumbane, ngumsebenzi kaTambo wonke lowo kwesi sizwe sabaThembu,” ugadlele watsho umzukulwana kaTyhopho.

 Uhambisa athi isizwe sabaThembu sikhahlela ngokungazenzisiyo kule ngadluma yenkokheli yaseAfrika ingu-Oliver Tambo ngegxathu layo kwinkululeko yabantu beli lizwe.

 “Ukuba ebekho uOR,  ngeyingekho eluvalelweni iKumkani yethu uBuyelekhaya Dalindyebo, ngebungekho obu buqhophololo bungaka buxake ilizwe lakuthi namhlanje, ngenene siyakhahlela kuye,” utshilo uMhlonto. 

Oku kuvela logama ilizwe loMzantsi Afrika libhiyozela ubomi bukaOliver Reginald Tambo ukusukela ekuqaleni kwale nyanga.