Ubukumkani bamaZulu abuqiniswanga!

Abantu abaninzi babona ubukumkani bamaZulu buxabiseke ngaphezu kwezinye iikumkani eMzantsi Afrika. Batyhola urhulumente olawulayo weANC ngalo mkhethe.

Inkokheli enguMongameli woMbutho weeNkosi zaseMzantsi Afrika, uNkosi Phathekile Dilizintaba Holomisa naye uyayikhalazela impatho engcono kaNkosi Zwelithini kaDinuzulu.

Iphephandaba langeCawe lowesi7 Oktobha 2012, lenjenje: “UMongameli weContralesa uNkosi Phathekile Holomisa, usandula kutyhola uRhulumente ngokuphatha ngcono uKumkani uGoodwill, uthe umbutho wakhe uza kuthumela izikhalazo kuRichard Baloyi uMphathiswa wezoBumbano lobuRhulumente nezeMveli.

“Inkolelo yethu ithi ukuba uyikumkani, kufuneka uphathwe njengezinye iikumkani, umahluko phakathi kweekumkani awunyamezeleki, akukho sithethe singaphezulu kwesinye.”

UNkosi Xhanti wacatshulwa kwaleli phephandaba lathi: “Isithethi seKumkani yamaXhosa uZwelonke Mpendulo Sigcawu, uXhanti Sigcawu uthe, into yokuba ikumkani yamaZulu ibe nemali eyabelwa nguRhulumente ezizigidi ezingamaR59, 5 kuhlahlo lwabiwomali yenza ngathi uNkosi Goodwill yeyona Kumkani ibalulekileyo kweli lizwe. Ifana nokuba uyiKumkani yeeKumkani eMzantsi Afrika. Ukuba unemali ubomi bakho buba ntofontofo, uyakwazi ukuzithengisa kumazwe angaphandle, uhlangane nezinye iikumkani, ufundise nabantu ngobukumkani bakho.”

UMandela, N.R. kwincwadi ethi, ‘Indlela Ende Eya Enkululekweni’ uthi ngezigqibo ekwafikelelwa kuzo, phakathi kwamaZulu noRhulumente ngethuba kusiyiwa kwinkululeko yoMzantsi Afrika ngowe1994: “INkatha yakukhaba ukuthabatha inxaxheba kulonyulo yazinikela kwiipolitiki zoxhathiso. UKumkani uZwelithini, exhaswa nguNkosi uButhelezi, wenza ikhwelo lokuba kubekho iKwaZulu ezimeleyo nenamagunya ayo, wathibaza wonke umntu kwelo phondo lakhe ukuba angavoti. Umhla we12 kuFebruwari kowe1994 wawungumda wokubhalisa kwawo onke amaqela, yaye ngaloo mini iNkatha, iConservative Party neAfrikaner Volksfront zasilela ukusayina. NoRhulumente wephandle laseBophuthatswana naye wala ukuthabatha inxaxheba etshijila esala ukuphinda anxityelelaniswe kuMzantsi Afrika omanyeneyo. Yandikhathaza into yokuba la maqela abaluleke kangaka akhethe ukwala ukuthabatha inxaxheba. Ukuze sibe nokubabuyisela enqweleni saya saphakamisa izaphulelo ezibalulekileyo: savuma ukuba sibe neebhalothi ezimbini kwiziwisamthetho zephondo nezesizwe; sakhupha iigaranti zamagunya athe chatha kumaphondo; ukuthiywa ngokutsha kwephondo laseNatala libe yiKwaZulu-Natal; nesingqinisiso sokuba umgqaliselo wokuzilawula ‘ngaphakathi’ uya kufakelwa kumgaqosiseko ukulungiselela amaqela abelana ngemvelo nelifa elifanayo lezenkcubeko nolwimi. Ndaya ndenza amalungiselelo okudibana noNkosi uButhelezi eThekwini ngomhla woku1 kuMatshi. ‘Ndiya kuwa ngamadolo ndibacenge abo bafuna ukulirhuqela kuphalalo lwegazi ilizwe lethu,” ndayixelela irali phambi kwaloo ntlanganiso.

UNkosi uButhelezi wavuma ukulubhalisela olo lonyulo, phantsi kwemiqathango ethile, ukuba unokuthi anikwe isithembiso sokuba azithathe izantlukwano zethu ngokuphathelele kwimicimbi yomgaqosiseko, azise kubalamli bamazwe ngamazwe.

Ndayivuma ngovuyo loo nto. Kambe uNkosi uButhelezi wayesazi ukuba unyulo luza kuqhubeka nokuba kwenzeka ntoni na. Ngomhla we19 kuEpreli uNkosi uButhelezi wayamkela into ayinikwayo yokuba ubukhosi bamaZulu bube nendima kwezomgaqosiseko, waza ke wavuma ukuthabatha inxaxheba.”

UNkosi Mangosuthu Buthelezi uyazingqina ezi zigqibo kwintetho awayenza kwisikhumbuzo sikaShaka ngowe1996, wathi: “… in the Agreement for Reconciliation and Peace which President Mandela, the then State President Mr F.W. de Klerk and I signed on April 19, 1994. It was formally and solemnly agreed that the Kingdom of KwaZulu Natal would be recognised and that also for that purpose international mediation would be held. “… kwiSivumelwano soXolelwaniso noXolo esasayinwa nguMongameli Mandela, nowayesakuba nguMongameli uMnu. F.W. de Klerk, nam ngomhla we19 Epreli 1994, kwavunyelwana ngokusemthethweni nangokunyanisekileyo ukuba ubuKumkani baKwaZulu Natal buza kuhlonitshwa kwaye loo nto iya kungenelelwa nangabalamli behlabathi.”

Into endiyicacisayo kukuba ukuhlonitshwa namandla obukhosi bakwaZulu abudalwanga nguNkosi Mangosuthu Buthelezi, bungadalwanga ngurhulumente wamaBhulu wocalucalulo kaH.F. Verwoerd norhulumente weANC. Umntu onomdla ngamaZulu kufuneka alandele iziganeko zembali zesi sizwe ngokulandelana kweminyaka.

Amandla obukhosi bakwaZulu adalwa ngamazwi okugqibela kaShaka xa wayebulawa nguDingane noMhlangana apho wathi: “Ningeke nalibusa eli lizwe. Liyobuswa yizinkonjane.” (Ngekhe niliphathe eli lizwe lakuphathwa ziinkonjane). Ebhekisa kubeLungu kuba besakha ngodaka. Loo mazwi aphumezeka ngethuba amabutho kaZulu ebulawa kumlambo iNgome ngamaBhulu. Inkosi yakwaNodwengu, uMpande yancedwa ngamaBhulu ukuze isinde kumkhonto kaDingane xa wayebulala abantakwabo. UMpande kaSenzangakhona nguye owavusa isende likaZulu kuba kubo bonke abantakwabo bakaSenzangakhona ukususela kuTshaka, uDingane, noMhlangana akakho owaba nayo inzala.

UMpande uzala uCetywayo, ozala uDinuzulu, ozala uSolomon, ozala uCyprian Bhekuzulu Nyangayezizwe ozala uZwelithini, iNgonyama, isilo sakwaZulu esisaphilayo. AmaZulu akholelwa ekuthini, “UKumkani wamaZulu uyintsika yokungqiyama isizwe, uyindlovu ekufuneka ikhokele amaZulu ngamagunya nobulumko. Umele umanyano lwesizwe samaZulu encediswa zezinye iinkosi. Xa ekhona phaya entloko , abantu bakwaZulu bakukwazi ukwakha kumhlaba wabo omhle nochumileyo. Xa ekho njengentloko encediswa ziinkosi namaphakathi isizwe samaZulu sakukhula sibe sisizwe esihlonitshiweyo ngabantu bonke.”

UCetshwayo wakhe wabhenishelwa eKapa, naseBritane phesheya kolwandle ngamaNgesi. Ngowe1888 uDinuzulu wabhenishelwa kwisiqithi saseSt Helena apho inkokheli yaseFransi uNapoleon Bonaparte wayebanjwe khona. Loo nto yadala ubuhlobo phakathi kwamaZulu norhulumente waseFransi.

Ukubhenishwa kwezi nkosi zamaZulu kwazenza zafumana udumo ehlabathini. UDinuzulu unabafazi awabazeka esesiqithini eSt Helena, nabantwana awabazalela khona nababhubhela khona. Enye yezinto eyabalulekisa ubukhosi bamaZulu yaba kukusekwa kweNkatha kaZulu ngo1924 zizifundiswa uJohn Langalibalele Dube, uNkosi Mathole kaButhelezi, uGeorge Champion, uMfundisi uSamuel D. Simelane, uMnyazi kaNdabuko Zulu, uMankulumane kaSomaphunga Ndwandwe, noWilliam Bhulose.