Emva kweminyaka engamashumi amabini anesixhenxe esebenza njengeJaji, uRaymond Zondo uzakuthatha umhlala phantsi, kwaye wenze umbulelo kubantu boMzantsi Afrika ngokumxhasa.
Uthi kuyo yonke iminyaka yokusebenza kwakhe njengeJaji kweli, ingakumbi ngexesha ebekhokele iKomishini ibiphanda ukuxhatshazwa kukaRhulumente ebisaziwa njengeZondo Komishini, ufumene inkxaso eluntwini.
“Ndibulela ngokungazenzisiyo kubantu belizwe loMzantsi Afrika ngokundixhasa ngethuba bendisenza umsebenzi weKhomishini, bekungekho lula kodwa ngenxa yabo ndiwenzile umsebenzi,” kuthetha uJaji Zondo.
Uhambisa athi abantu beli ngawona magorha ekumele ukuba aqhwatyelwa izandla ngenxa yokumthemba nokumnika inkxaso ebeyidinga kakhulu.
IKomishini kaZondo ikhe yanqumama ngenxa yokuba owayenguMongameli ngelo xesha uJacob Zuma wayengafuni ukuba iqhubele phambili.
Ngenxa yesigunyaziso senkundla, uZondo waqhubela phambili nomsebenzi wakhe weKomishini eyayidalanca ingxaki yokubanjwa ngobhongwane kukaRhulumente.
“Maxa wambi bendisithi nokuba ndiyahamba esitalatweni kuvele umntu esithi uyabulela kakhulu ngomsebenzi endiwenza kwiKomishini,” kutsho uJaji Zondo.
Ukanti iJaji ezakungena endaweni kaZondo, uJaji uMandisa Maya, naye ungenelele ukuqhwabela izandla uZondo ngenxa yendima yakhe. UMaya uthi uZondo udlale indima enkulu kwezobulungisa kweli esilwela inguqu ibingafunwa ngabaninzi.
“Ulwele ngokukodwa ukunikwa kwamanina ithuba kwizikhundla eziphezulu kwezobulungisa, namhlanje sibona amanina ehleli kwizikhundla eziphezulu kwezobulungisa,” kucacisa uMaya.
UMaya ngumzekelo omhle wokunikwa kwamanina izikhundla eziphezulu nanjengoko eza kusebenza njengeJaji eyintloko kuzwelonke.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo