Ubulele indoda umlilo waseEurope

Abahlali baseEurope eGugulethu bashiyeke bengenandawo zakuhlala emva komlilo otshabalalise zonke izinto abe benazo umfanekiso: Buziwe Nocuze

Bashiyeke bengenandawo zokuhlala abahlali base-Europe eGugulethu kulandela umlilo otshabalalise zonke izinto ebebenazo.

UZikhona Qubunga noneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba bebekobude ubuthongo ngethuba besiva abahlali abe bekhwaza besithi kuyatsha.

“Ekuqaleni yonke into iye yangathi liphupha, ndiye ndade ndaphaphama kwaye khange ndikwazi kuphuma nanto kuba besele ndibalekela ukusindisa ubomi bam,” utshilo uQubunga.

Uqhube wathi akukho mntu ukwazileyo ukuphuma nezinto ngenxa yamandla obunawo umlilo.

“Ngethuba kusitsha bekusemva kwentsimbi yeshumi elinanye, bekudala ke silele ngelo xesha.”

UMuthiswa Chila noneminyaka engamashumi amahlanu anesithoba ubudala, uthe umlilo uqale endlini yakhe kodwa akukho nto bebeyenza kuba nabo bebelele.

“Hayi andiyazi ukuba uqalwe yintoni umlilo kuba nathi besikobude ubuthongo,” utshilo uChila.

Uqhube wathi wothuke sele kumnyama endlini kwaye umlilo uqale ekhitshini hayi kwigumbi lokulala.

“Ndithe ndakubona umsi ndakhwaza umyeni wam kodwa usabele kade nekubengunobangela wokuba angakwazi ukuphuma nanjengoko eye wabhubha ngenxa yomlilo.”

Lo kaChila uqhube wathi uncedwe kukuphuma ngefestile emva kokuba ekwazile ukukhupha umzukulwana wakhe.

“Ibingekho enye indlela ngaphandle kokuba ndiziphose kuba besele kumnyama ndingasaboni kakuhle kwaye bendirhaxwa nangumsi, umyeni wam uzamile ukuphuma kodwa wohluleka,” utshilo uChila.

Uthi akayazi nokuba nguvutha na okanye kudibene iintambo zombane nezithe zangunobangela womlilo.

“Ndiyabona ukuba abanye abantu abandikholelwa xa ndisithi andiwazi ukuba uqalwe yintoni umlilo kanti yinyaniso leyo, nathi sivuke sele kusitsha,” watsho esithi uyaxolisa kakhulu kubantu abathe batshelwa zizinto zabo.

“Ndiyayazi ukuba kunzima kangakananina ukuthenga into obusele unayo, ndiyaxolisa kodwa ngenene umlilo andiwazi ukuba uqalwe yintoni mhlawumbi nguvutha,” utshilo.

Uqhube wathi isikhalo somyeni wakhe siyakuhlala sinkenteza ezindlebeni zakhe.

“Umyeni wam usweleke ekhala ecela uncedo, kwaye nam ndimcelile ukuba azame indlela anokuphuma ngayo nalapho athe akaboni ndawo yakuphuma, nabahlali bazamile ukumsindisa kodwa umlilo ubunamandla kakhulu, yilo nto baye bohluleka wabe ubhubhela ngaphakathi kula ndlu.”

UConstable Mihlali Majikela nosisithethi samapolisa aseKapa, uthe ngethuba amapolisa efika afumanise ukuba kukhona indoda ebhubhele ngaphakathi kwindlu obuqale kuyo umlilo.

“Unobangela walo mlilo awukaziwa kodwa amapolisa asaqhuba nophando ,” utshilo uMajikela ekwalumkisa abahlali balapho ukuba babaze iliso njengoko ihlobo liqalise nje.