Ubulele umfazi wamgcina iintsuku endlini kwaTyutyu!

Abahlali bakwaTyutyu eBhisho bavutha ngumsindo kwaye besithi abothukanga sisenzo esibi nesimasikizi esenziwe yindoda yale lali, sokubulala inkosikazi yayo, yakugqiba yayigcina iintsuku kwalapha kule ndlu ngoku sele ibhubhile.

Ingxelo ithi le ndoda umthetho wayo ekuhlaleni ihlukumeza abantu kuquka nomama wayo ambethayo nangamazi nokuba sisiciko sayiphina imbiza, kwaye ingumntu osebenzisa iziyobisi.

Oku kuhlokomise abahlali kulandela emva kokuba le ndoda ihlabe inkosikazi yayo uNoluvuyo Koti (24) oshiya umntwana ongekagqibi nonyaka ezelwe.

Ingxelo ithi oku kwenzeke kuLwesihlanu wempelaveki esisuka kuyo.

Kuthiwa uthe akumbona ngosuku olulandelayo ngoMgqibelo ukuba akabhubhanga, usaphefumla, wamtshisa, akugqiba wamogquma ngeengubo nangempahla ukumfihla kwanokuvala ivumba.

Usihlalo walo mmandla, uLuvuyo Gwelana, ethetha neli phephandaba udize ukuba umrhanelwa kudala wazenza izenzo ezibi kula mmandla kwaye kungabikho nto yenzekayo, kungoko besithi oku akwenze ngoku yinto ekudala bayilindela ukuba ingenzeka. UGwelane uthi bahlaba ikhwelo ekubeni ingalo yomthetho ithathe unyawo oluqatha, kutsho kube sisifundo kulo mrhanelwa nakwabanye.

“Nonkosikazi wakhe bekukudala emane emkhuphela imela embetha, kudala nje emhlukumeza, ebengakhuselekanga. Oku asihambisani nako siyakukhalimela, kungoko sicela amancedo akhawulezileyo kwabanamagunya ekubeni angafumani bheyile,” utshilo uGwelane.

Lo mrhanelwa kuthwa ikwangumntu obesoloko ebetha umama wakhe kwaye nomama angathathi manyathelo, esoyika kuba egrogriswa ngunyana wakhe.

Umrhanelwa ubanjiwe ngoMgqibelo, namhlanje uLwesine, kulindeleke ukuba avele kwinkundla yamatyala eZwelitsha ngetyala lokubulala.

UCeba wakwaWadi 43 weANC, uDumisani Mhanjana, usikhalimele kanobom esi sehlo senzeke kwaTyutyu, esithi ayonto ifanele ukwenzeka, amadoda afanele ukukhusela usapho kwaye le yinto ethethwa imihla ngemihla eyokuthi phantsi ngokuhlukunyezwa kwanokuphathwa gadalala kwabantwana kwakunye namanina.

“Imbi kakhulu kwaye ayamkeleki le yenziwe yile ndoda. Ibonakalisa ukungabinabuntu kuba akukho mntu unokuhlaba umntu aphinde xa embona ukuba akabhubhanga aphinde amgqibezele, noko iyothusa le! Aphinde amgcine kwakule ndlu!” utshilo uMhanjana.

UMhanjana babambe indibano nabahlali izolo uLwesithathu malunga nesisombululo sokuncediswa kwabantu bakwaTyutyu kwanokuliwa ekubeni angafumani bheyile lo mrhanelwa.

Ibali liqhuba lithi le ndoda ixelele umama wayo ukuba angakhe othuke yinto azokuyibona ukuba uyanyanzela ukungena kweli gumbi labo, emva kokubuza umama ukuba yintoni na le inukayo iphuma kweli gumbi labo kwaye uphi umakoti. Umzimba uye wabhaqwa sele uneempukane kwaye ugqunywe ngeengubo nangeempahla.

UBrigadiya Tembinkosi Kinana ebengekabuyeli kuthi ngethuba sipapasha malunga nesiqinisekiso sokwenzekileyo kwaTyutyu.