Ubulewe ngumbane womgunyathi oxhuzulayo

UMHLALI wendawo yoogobityholo iMarikana eNtshona Koloni, ubulewe ngumbane emva kokuba umzimba wakhe udibene necangca (zinc) waze wotshowukhwa.

UYoliswa Gqwetha ufunyenwe ngumntakwabo sele ebanda emva kokuwiswa kukuxhuzula ebhedini waze wancamathela ecangcini ngentseni yangoLwesibini.

Ebeneminyaka engama-27, ushiya abantwana ababini ngasemva. Omnye uneminyaka emithandathu, omnye isixhenxe.

“Ndifike sele ephantsi uYoliswa emveni kokuba ndive isikhalo esivela kwigumbi lakhe lokulala,” utshilo uThulani Gqwetha.

“Ndiye ndatshowukhwa ngumbane xa ndizama ukumtsala ngengalo. Intloko yakhe kwakunye nengalo yasekunxele bezincamathele ecangceni.”

Uthi uye wabiza abamelwane bazokuhlangula kodwa bafike emva kwexesha. Incwadi echaza unobangela wokufa ithi kusaphandwa unobangela.

UGqwetha uthe indlela abahlala ngayo oko bafikayo apha bazitsalela umbane ngokwabo. Nangona ibiyelwe le bhokisi kutsalwa kuyo umbane ngakwaGoal Supermarket zininzi iintambo ezitsalwe ngomgunyathi.

Abahlali baseMarikana kudala bakhalazela ukungabikho kombane ukususela ngo 2014 ukuqala kwabo ukuhlala apha ngendlov’iyangena.

Ilungu lekomiti ejongene nabahlali basematyotyombeni namandla uXanthea Limberg uthe: “Luxanduva likamasipala waseKapa ukufakela izibane ezikhanyisa ezindleleni kodwa luxanduva likaEskom ukufakela umbane”.

Isithethi sikaEskom uKhulu Phasiwe uthe, “IMarikana isemhlabeni womntu, ngoko ke uEskom akanalungelo lokufaka umbane. UEskom uyaziqhawula ezi ntambo zomgunyathi amaxesha amaninzi kodwa ziphinda zithi gqi kungekudala.”

UPhasiwe uthe bakufakela umbane xa isixeko saseKapa sithenge lo mhlaba kubanini-ndawo.

Usapho luthi uGqwetha uyakungcwatyelwa eCofimvaba eMpuma Koloni ngomhla oyakube waziswe.