Ubulungisa kwinkondekazi eyabhubhela “ukuthakatha”

INKUNDLA ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Koloni, echophe eSterkspruit, igwebe amadoda amane afunyenwe enetyala lokubulala inkondekazi enama92 eminyaka ubudala, ababeyityhola ngokuthakatha.

UMzubongile Manundu (36), uSithembiso Yalwa (52), uSiyabulela Manundu (34) noMlungisi Manundu (40), bagwetywe iminyaka engama20 ngokubulala, nemibini yokutyabeka umakhulu ngobugqwirha.

Le nkundla iyalele ukuba ezi zigwebo zihambe ngaxeshanye, kodwa yaxhoma iminyaka emihlanu kwesi sigwebo seminyaka engama20.

Otyholwa nabo, uNkosiyoxolo Velemani (41), yena ubekwe ityala lokutyhola ngobugqwirha nokubetha ngeenjongo zokonzakalisa, waze wagwetywa iminyaka emibini nemihlanu ngokulandelelana. Iminyaka emibini iye yaxhonywa, waze wasalelwa ngemihlanu eguquguquka emjiva.

Ngomhla we14 kweyoKwindla 2020, kwakuqhutywa inkonzo yomngcwabo kaSamkelo Manundu kwilali yaseMajuba eSteke, nowayehlatywe wabhubha eKapa.

OnguMlomo kwiGunyabantu lezoTshutshiso eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, ubika ukuba emva komsebenzi wokuhlanjwa kweepeki, la madoda aya kwikhaya likamfikazi uNosayinethe Manundu, enyanzelisa ukuba akhuphe uSamkelo, nawayekholelwa ukuba usaphila, yaye ugcinwe ngumfikazi etyesini kwakhe.

“Baqhiza impahla yale nkondekazi, beyinkula, baze bayityhalela ngaphakathi kuronta wayo beyivalela apho ngaphakathi, bantumeka indlu ngomlilo.

“Kwimizuzwana, ngelixa indlu igutyungelwe ngumlilo, eli xhegwazana lakwazi ukuqhwesha kuloo madangatye libaleka, kodwa la madoda alileqa alibamba. Ngenxa yamadangatya, zange bakwazi ukulibuyisela kuwo, kodwa balintywilisela ngentloko kwigqongo elizele amanzi, balirhaxisa. Abanye babahlali babentyontyela aba babulali endaweni yokusindisa ixhoba,” kubalisa uTyali weNPA.

Onke la madoda agwetyiweyo ayezizizalwane zexhoba, yena uYalwa engummelwane.

Ezinye iziqendu zolu hlaselo lwale nkondekazi zafotwa ngefowuni, aze la madoda anqakulwa avalelwa kwiintsuku ezimbalwa. Umbuso wasikhaba isicelo sawo sokukhululwa ngebheyile.

“Ngethuba kuqhuba ityala, athi awanatyala, ephikisana nezenzo ezabonwa kwividiyo neyayinxalenye yobungqina obabekwa phambi kwenkundla,” kutsho uTyali.

Le vidiyo yathi saa kumakhasi onxibelelwano, yaphinda yaboniswa kwinkqubondaba kamabonakude.

Nangona umbuso ubusilwela udilikajele, kodwa iJaji uMbulelo Jolwana ufumanise ukuba la madoda asengalungiseka izimilo nanjengoko ayeqala ukophula umthetho.

Encoma uMtshutshisi noMphandi weTyala uColonel Nobesutu Dinga, ngokuqinisekisa ubulungisa ngakule nkondekazi, uMlawuli woTshutshiso loLuntu eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uthe izigwebo eziqatha zakuba sisifundo nakwabanye ababulala abantu abadala bebatyhola ngokuthakatha, nto leyo ithande ukuxhaphaka eMpuma Koloni.