Ubumnandi kuMnyhadala wokuqala waseDuncan Village

UDJ Anga Azz uphakathi kwabo baza konwabisa kwiDuncan Village Homegrown Festival

UGALELEKILE uMnyhadala wokuqala wolonwabo kwilokishi iDuncan Village eMonti.

Lo mnyhadala obizwa Duncan Village Homegrown Festival waqala ukucetywa ngamatshantliziyo amabini ezolonwabo uZizipho “DJ ZeeMan” Njadu ekunye noSimphiwe “Smash” Mashexa kwiminyaka emithathu edlulileyo.

Ngenxa yothando lokuphuhlisa nothando lolonwabo, uNjadu noMashexa bagqiba kwelokuqala olu hlobo loMnyhadala ngelenzela abantu baseDuncan Village.

“Ngenxa yokunxanelwa ukuphuhlisa nokonwabisa, saye sanombono wokuqala uMnyhadala wolonwabo kwindawo encinane nejongelwe phantsi iDuncan Village,” kutsho uNjadu, oyinzalelwane yale lokishi ngethuba encokolela I’solezwe lesiXhosa kutshanje.

UNjadu noMashexa bathi ezona njongo zalo mnyhadala kukubonisa ngobomi babantu baseDuncan Village. Bathi lo mnyhadala ikwaziinzame zabo zokutshintsha indlela ekujongwa ngayo le lokishi.

“Abantu xa becinga ngendawo yaseDV bahlala becinga ngolwaphulomthetho. Kwakhona abantu baseDuncan Village bafumana ubunzima ukungena kumabala weminye iminyhadala eseMonti bathengise okanye babonise ngesakhono sabo,” kutsho uNjadu noMashexa.

IDuncan Village Homegrown Festival iza kubanjelwa eBuffalo Flats Cricket Stadium (Alphred Schoeman Cricket Grounds).

Eqongeni kukho uYoba Unltd, DJ Anga Azz, Totman, Sizzle, DJ Vino D’Angelo, GQ Xclsv, Mjazz, Super, uPrincle Lloyd nabanye.

Amatikiti afumaneka eComputicket, kwaSpar oseBuffalo Flats naseYellow House Bottle Store ngeR80.

Ngeenkcukacha tyelela ikhasi elithi ‘Duncan Village Homegrown Festival’ kuFacebook.