Ubundlobongela buthobe izinga lokupasa eKapa

EKAPA: UMPHATHISWA wezeMfundo eNtshona Koloni uDebbie Schafer, uthi nangona besahlalutya iziphumo zebanga leshumi ukuze baqonde unobangela wokwehla kwezinga lokuphumelela kweli phondo, basola ubundlobongela nokungananzwa kweelwimi zasemzini njengonobangela.

Ukuthethe oku ngelixa edlulisa iziphumo kwisikolo samabanga aphakamileyo iWaterford eRondebosch.

INtshona Koloni yehle ngo 3.3% xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo. Iphume kwindawo yesithathu ilandela iFree State neRhawuti. Ifumene u84.4%.

“Awungekhe ukwazi ukufunda ngokukhululekileyo apho ungayaziyo ukuba uzakuqala nini umlo wemigulukudu. Ndingabe ndisithi ukwehla kwezinga lokuphumelela ulwimi lwesiBhulu nesiNgesi kubenegalelo ekwehleni kwezinga lokuphumelela kweli phondo,” utshilo uSchafer.

Ukanti uthe izinga lokuphumelela lehlile nakwamanye amaphondo amahlanu aquka iRhawuti. USchafer uthe eli phondo liphume kwindawo yokuqala kwizifundo zezibalo kuzwelonke laze lathabatha indawo yesibini kwezobunzululwazi (science). “Into endivuyisayo yeyokuba iingingqi zethu ezisibhozo ziligcinile izinga lika 80%. Abafundi beelwimi zenkobe baqhube kakuhle kakhulu,” utshilo.

Ophumelele emagqabini ngoB kwisikolo samabanga aphakamileyo iSilimela kwaLanga uNande Mkweqane, oneminyaka eli-17, uthe uncedwe kukuzinikezela, nokungena izifundo zasemva kwemini nokumamela ootitshala.

“Ngoku ndizakufundela ubongikazi eCPUT. Kwaye abakwazi ukungandamkeli ndiphumelele emagqabini ngoluhlobo,” utshilo.