Ubungozi obenziwa zizithambisi zokhanyiso-lusu

Icandelo lokhuselo lolusu kwiYunivesithi yephondo lakwaZulu-Natal (UKZN) libambisene ngekhonkc’elinye ne-Dermatology Society kunye nesebe lezempilo lephondo, ukuphehlelela iphulo lokulumkisa amanina ngobungozi bokusebenzisa izikhanyisi zolusu.

“Umcimbi wokhanyiso lolusu ayingomthwalo kabani yedwa, kodwa yingxaki enkulu yempilo eluntwini jikelele,” utshilo uNjingalwazi Ncoza Dlova, noyintloko yecandelo lokhuselo lolusu kweli ziko-mfundo.

Uthe iinjongo zeli phulo zijoliswe ekutshintsheni iingcamango, kwaye ngokunjalo nabathengi badinga imfundiso ngobungozi beemveliso zokhanyiso lolusu.

Umhlali waseThekwini, uMbalenhle Mkhize, 33, uqale ukusebenzisa iimveliso zokhanyiso-lusu nezazijoliswe ekunyangeni amaqhakuva neerhashalala.

Amava akhe alatha inkxalabo ngezi mveliso, ezinye zazo ziyaziwa kakhulu, ziveliswe ziinkampani zalapha ekhaya.

“Ndandifuna nje amaqhakuva am anyamalale,” utshilo uMkhize.

“Ayebukeka kakubi kwaye ndandifuna into enokundinyanga. Ndathenga enye imveliso yokuqaba kubathengisi esitalatweni, kwaye ndothuka kakhulu sakube isikhumba sam sisiya sikhanya ngokukhanya, abe amaqhakuva am esiya ngokuba mabi.

“Ndaxhalaba, ndaze ndathenga iimveliso zokuqaba, kuquka nezinye kwindawo yamayeza , kodwa zonke zenza into enye. Kwakukubi.”

Ngenxa yengxokolo eqhubekayo ngokhanyiso lolusu, uDlova wenze uphando ngezi mveliso, kwaye ushiyeke ebambe ongezantsi ziziphumo.

“Uphando lwethu lutyhalwe kukonyuka kwezigulana kwiikliniki bebonisa ngeengxaki abazinikwa zezi mveliso zonkhanyiso lolusu,” utshilo.

“Esikufumeneyo kuyaxhalabisa kakhulu.

“Ngaphezulu kwamashumi asithoba ekhulwini (90%) yabasebenzisi bezi mveliso bebengazi ngeziphumo zazo ezinobungozi, kuquka nomhlaza wolusu.

“Enye yeenkxalabo yeyokuba umthetho woMzantsi Afrika uye ufune lowo uhambisa ezi mveliso zokuthambisa acebise amanina ukuba asebenzise isikhuseli selanga (sunscreen) xa eqaba ezi mveliso zokhanyiso-lusu

“Kwakhona.. akukho nenye imarike kwezo zilishumi eziphezulu kuMzantsi Afrika okanye kwezo zamazwe ehlabathi, ezivelisa ezi mveliso zokhanyiso-lusu ezilumkisa abathengi ukuba bayeke ukusebenzisa ezi mveliso okanye zisetyenziswe nesikhuseli-langa (sunscreen),” utshilo uDlova.

“Kwaye nangona omnye kumanina amathathu eMzantsi Afrika evuma ukusebenzisa iimveliso zokhanyiso-lusu, yi-21% kuphela esebenzisa isikhuseli-langa,” wongeze wenjenjalo.

UDlova umemelele urhulumente ukuba aqinise ngomthetho wokusetyenziswa kwezi mveliso, esilwa ngelithi ziqulethe izinto eziyingozi.

Icandelo lweemveliso zokhanyiso-lusu lungenisa isixa esikwibhiliyoni ngeebhiliyoni zeerandi , nalapho amanina kwilizwekazi le-Afrika echazwe njengabona basebenzisi abaliqela ehlabathini.

Oku kuye kukhuthazwe kakhulu ngoosaziwayo nabasebenzisa ezi mveliso ngelokuzikhanyisa ulusu.

Nangona ininzi inkxalabo ekhulayo ngezinto eziyingozi eziqulethwe zezi mveliso, nezinokukhokelela kumngcipheko womhlaza wolusu, uDlova uthi amanina namanye amadoda, ayaqhubekeka ukusebenzisa ezi mveliso njengendlela yokuzama ukwamkelwa luluntu.

Enye yeenkxalabo ziintengiso ezijolise kwabo baselula ukuzama ukubatyhalela ekubeni babenolusu olukhanyayo, nanjengoko libonwa “njengeli- nomtsalane”.

Uninzi kwabo basetyhini basakholelwa kwelokuba ulusu olukhanyayo longeza ukuzithemba kubo, babonwa njengabo baphucukileyo, kubanceda bafumane imisebenzi ephucukileyo kwaye bafumane imitshato nanjengoko bebonwa njengabahle ngamadoda.

Ngelixa umyinge ka 23% wamanina kwilizwekazi le-Afrika nomyinge ka11% wamanina angamaNdiya, evuma ukuba isikhumba sawo sonakaliswe ziimveliso zokuzikhanyisa, umyinge ka90% wala manina bechulumancile ziziphumo zolusu olukhanyayo, utshilo uDlova, nokwangamele iWomen Dermatologic Society yelizwe.

“Iziphumo ezibi ziyohluka, ukusuka ekuncipheni kolusu okusisigxina, amashubaba, ulosuleleko lolusu, amaqhakuva, amabala amnyama angasukiyo ngokunjalo nomhlaza wolusu,” utshilo.

Ngokwengxelo yophando kaDlova, uninzi lwezi zithambisi, kuquka neziveliswe apha ekhaya, ziqulethe izinto ezifana ne-mercury, phenol, resorcinol, steroids and hydroquinone.

“Iphulo lethu alimemeleli urhulumente nje kuphela, kodwa ukuvundlisa nabathengi kwezo zinto bangafanelanga kuzithenga nezo zivumelekileyo nezichanekileyo emarikeni, utshilo uDlova.

“Kwakhona, sifuna ukuthumela umyalezo ongqongqo wokuba kufuneka sibuthande ubuhle bethu bendalo, ubuntsundu bethu buhle kwaye olona lusu lungcono lolo uzelwe unalo.”