‘Ubuninzi beeteksi eBCM bubanga iingxaki’

Ubuninzi beeteksi eBuffalo City buphazamisa ukuhanjiswa kwempepha-mvume zokusebenza kwabanikazi beeteksi eMpuma Koloni.

Oku kuvele ngethuba usekela mongameli wombutho weeteksi uNcedo kuzwelonke, uPhindile Goqoza, ecacisa ngendima esele ihanjiwe ukunikisa ngezi mpepha-mvume.

“Ziyaphuma zona kodwa basixelela ukuba ikhona ingxaki eBCM, lo ngxaki ibangelwa kukuba zininzi imoto ezisebenza kule ndawo yase BCM, ngoko ke bakhona abazukungazifumani iincwadi zabo,” utshilo uGoqoza.

Ukuhamba kade kwezi mpepha-mvume kubangele ukuba abanikazi kunye nabaqhubi beeteksi kweli phondo, baqhube uqhankqalazo olwabangela ukuvalwa kwendlela ngomhla weshumi kwinyanga ephelileyo.

Lo kaGoqoza uthi kukho abo baqala ukufaka izicelo kunye nabo bajonge ukuvuselela ezidala.

Umphathiswa wesebe lezothutho ephondweni uWeziwe Tikana, uyangqina ukuba akukho ndlela intsha ekwenziwa ngayo ukukhupha ezi mpepha-mvume.

“Ziyaphuma zona kwabo bafanelekileyo bayazifumana incwadi zokusebenza ezindleleni,” utsho uTikana.

Lo mphathiswa ubese Malahleni ngenyanga kaJuni, nalapho abanikazi beeteksi bebeqhankqalaza besithi phantsi ngoTikana, bemtyhola ngokulibazisa inkqubo yokugqithiswa kwezimpepha-mvume.

Eli shishini leeteksi lineengxaki ezintsha ezivele kutsha nje, nalapho abantu abathathu badutyulwe babulawa kuhola wendlela * -R61 edolophini yaseMthatha ngorhatya ngoLwesine.

Othethe egameni leSouth African National Taxi Association (SABTA) e-O.R. Tambo uMabuya Shumayela uthi, bayayiqwalasela ingxaki ebangele ukubhubha kwabantu eMthatha.

“Simisele olwethu uphando, saza ngenxa yoko sayalela ukuba imibutho echaphazelekayo i-SABTA kunye noNcedo, zibambe indibano kusonjululwe ingxaki ephakathi kwabo, kuba kukungavani kwabo okubangele konke oku.”

Ingxaki kumzila ophakathi koMthatha nedolophu yakuTsolo ubangele ukungabikho kozinzo kula ngingqi.

Umbutho weNcedo Taxi Association uqhube umthandazo ngeCawe eChristian Centre eMonti, ngelithandazela ulonyulo lomasipala nezinye ingxaki eziphazamisa uzinzo kweli.