Ubunkokheli bobukhosi ekulweni isifo iCovid-19

Ilizwe jikelele lizibona nequbuliso lithwaxwa ngubhubhane wesifo iCovid-19 (Coronavirus), esingazi mida, esingazi hlanga, esingazi sinhanha nahlwempu koko sigqugqisa izizwe ngezizwe, sihlakaza iimpilo zabantu noqoqosho.

Sichaphazele iimpilo zabantu basezidolophini nasezilalini esi sifo, sayitshintsha yona indlela yokuphila kwabantu ingakumbi ngokwamasiko nezithethe zabo basezilalini.

Amakhosi anomsebenzi obalulekileyo nomkhulu kakhulu ekusebenzisaneni namaqumrhu ohlukeneyo ukuquka noRhulumente ekulwisaneni nesisifo siyiCoronavirus ezilalini.

Indima yabo ibalulekile ekuqinisekiseni ukuba abantu bayafundiswa ngesi sifo, ukukhuseleka nokumiliselwa kwemigqaliselo yezempilo iyenzeka kwiilali zawo, kwaye abantu bayayithobela imiqathango nemigomo yokumiswa ngxi kweentshukumo kwilizwe liphela.

Ngabantu bokumilisela ucwangco nozinzo kwizizwe zabo njengeentloko zezizwe, ngokugunyaziswa lisiko nesithethe sikaNtu.

Abantu bezizwe zamakhosi ngabantu abankolo zahlukeneyo, belandela amaqela opolitiko ahlukeneyo, njalo-njalo, kodwa isizwe nesizwe silawulwa ngamasiko nezithethe zendawo, lo nto yenze ubukhosi bube yeyona nto ihlanganisa abantu.

Amakhosi ayakwazi ukuhlaba ikhwelo elivakalayo kwisizwe sonke, kuba abantu besizwe bayazi ukuba ikhwelo lingahlatywa komkhulu kunyembelekile.

Loo nto ibangela ukuba kungabikho yantlukwano nantethombini xa abantu befumana umyalezo. Urhulumente woMzantsi Afrika udlale indima enkulu kwaye usaqhubeka udlala indima encomekayo ekujonganeni nesi sifo sichaphazela umhlaba wonke.

Ekujameleni kwawo nesi sifo kunyanzeleke ukuba uthathe isigqibo esikhulu nesingqongqo sokumisa ngxi iintshukumo kwilizwe lonke kwinyanga yoKwindla wama2020, eso ibe sisigaba sokuqala esichaphazele iimpilo zabantu basezidolophini nasezilalini ngeendlela ngeendlela. Isigaba sesibini sona sijongene nokuzinziswa koqoqosho kwakunye nokuhlangula abantu bangaphulukani nemisebenzi yabo.

Isigaba sesithathu sijongene nokubuyiselwa koqoqosho endaweni yalo nokurhweba okuthe xhaxhe. Amagosa kaRhulumente nawo aqhubile ukubamba iintlanganiso namaqumrhu ohlukeneyo kwakunye neenkosi.

Ngokwesithethi sikaMongameli uKhusela Diko uthi “ukudlana iindlebe namakhosi lelinye lamalinge kaMongameli lokuhlaba ikhwelo kwisizwe siphela, nokucela inkxaso ekuqinisekiseni ukuba isizwe siqubulisana sifuthanisela lo bhubhane simanyene.

UMongameli Ramaphosa ngomhla wama23 kaTshazimpuzi wama2020 uye wadadela enzulwini ngokuthi athathe ithuba azise isizwe soMzantsi Afrika ngenkqubela kwakunye nemigangatho eza kumiliselwa ekulweni esi sifo.

Amakhosi anendima enkulu nayidlalayo ekuqinisekiseni ukuba umyalezo uyafika kwaye uyaqondwa ngabantu beelali zawo, njengeenkokheli ezisondeleyo ebantwini bazo.

Owona mcelimngeni ungundoqo kukubonisa isisindo nobuzaza besi sifo ebantwini. Omnye umcelimngeni kukunqaba konxibelelwano ngokwenziwa yi-network kwiindawo zasezilalini xa kuthelekiswa nezo zisezidolophini.

Abantu ezilalini banendlela abaziphanga ngayo ngokuqhutywa yinkcubeko. Esi simo ilizwe lizibona likuso liyabachaphazela kakhulu, kuba bazibona impilo nendlela yokuphila itshintshe ngesaquphe.

Amakhosi azibone enoxanduva olungamandla enkuncediseni urhulumente ekufundiseni uluntu ngesi sifo esebenzisa amaqonga athile nobuchwephesha bale mihla.

Njengabantu boncedo lokuqala ezilalini ngabo abagcwalisa amaxwebhu angqina ukusweleka komntu othe waswelekela ekhaya, aze loo maxwebhu ayokushicilelwa kwiiofisi zeSebe lezeKhaya, kutsho kuphume isiqinisekiso sokubhubha komntu.

Ukuqhubeka nalo msebenzi kweli xesha lesi sithwakumbe kudinga ukuba kwenziwe izinto ngendlela ethile eyohlukileyo kuba kufuneka kumiliselwe imigqaliselo yokhuseleko.

Kubalulekile ukuba babenazo izixhobo zokuzikhusela kweli xesha xa besenza lo msebenzi nokuba baqhakamshelana neSebe lezeMpilo ukunika ingxelo ngalowo uswelekileyo ukuba ebeneempawo okanye ebengenazo iimpawu zesi sifo.

Olunye uxanduva lwamakhosi kukubonisa izizwe okanye iilali ngokubaluleka kokushenxisa okanye ukumiswa kwemicimbi yesintu ukuze bahambisane nemigqaliselo yokumiswa ngxi kweentshukumo zesizwe.

Oku kuquka imicimbi efana nemicimbi yokubhiyozela isintu seso sizwe, izikhumbuzo, imicimbi yeenkolo, iintlombe njalo njalo.

Lona ke asingomsebenzi ulula ukufundisa abantu ngotshintsho olufike ngesaquphe lwatshintsha iimpilo zabo zeminyaka ezisekelezwe kwizithethe namasiko abo.

Ukufikelelisa ulwazi kumntu wonke ekuhlaleni kudingeka ukuba amakhosi asebenze nzima esenza amatiletile neenzame zokuxhumana nabantu ngokusebenzisa amaqonga afana nonomathotholo, oomabonakude, amaqonga onxibelelwano kuba kaloku iinqila nembizo zisamisiwe nazo.

Kubalulekile ukuba basebenzise izakhono zobunkokheli ukuqinisekisa ukuba ulwazi luyafika ebantwini, baqinisekise nokuba izibonelelo zikarhulumente zokuhanjiswa kokutya ziyenzeka ngaphandle kophazamiseko, bakwakhuthaza ukuba abantu mabazihlolele intsholongwane iCovid-19 ingakumbi xa kukhona iimpawu ezikrokrisayo, bekwafundisa abantu ngokuhlala ezindlini nokuzigcina bekhuselekile.

Ubunkokheli bendlu yeeNkosi yephondo iMpuma Kapa lukumatiletile okuqinisekisa ukuba intsholongwane iyaxelwa kwabo bafumaniseke benayo, bekwakhuthaza ukuba abantu abasuka kwamanye amaphondo bazihlole phambi kokuba bahlale emakhaya, bekwahlaba nekhwelo lokuba abantu bancedisane neenkosi kwakunye norhulumente ngokuthobela imigqaliselo.

Eli likhwelo lokulwa nale ntsholongwane. Amakomkhulu namabhotwe angamaziko angasetyenziswa ukuhlola abantu nokunikezela izixhobo zokuzikhusela ezifana nezichele (masks), isanithayiza, iiglavzi, iisephu njalo-njalo kubantu bokuhlala.

ICongress of Traditional Leaders of South Africa (Contralesa) ikhuphe isibhengezo sokuba ixesha lokungena kwamakhwenkwe esuthwini lasebusika linqunyanyisiwe. Indlu yeeNkosi yephondo iMpuma Kapa izeke mzekweni ngomhla we29 kuTshazimpumzi 2020 ngokuthi nayo iyalinqumamisa ixesha lokungena kwamakhwenkhwe esuthwini lasebusika.

La ngamatitile enziwa ngabantwana begazi namaqumrhu abasebenza kuwo ukulwa nale ntsholongwane nokukhusela iimpilo zabantu.

Amanani abantu abosulelwe yile ntsholongwane aye esenyuka kwaye kuqapheleke ukuba ayafumaneka nasezilalini ngoku, indawo esandula ukuthwaxwa ngamanani aphezulu yiPort St John kwiphondo iMpuma Kapa.

Kuvakala ngonoondaba ukuba abantu bebesecaweni abanye esingcwabeni bengalandelanga migqaliselo emisiweyo ngurhulumente. Izingcwabo kufumaniseke ukuba zezona zinegalelo ekusasazeni le ntsholongwane.

Lo nto ibangela ukuba kusetyenzwe nzima kuqiniswe nesandla ekufundiseni abantu ngobunzulu, ubuzaza nesisindo sale ntsholongwane engumbulalazwe jikelele.

UMzantsi Afrika ujongene nokungena kobusika apho iindawo zasezilalini zijongene nexesha lokwaluswa kwamakhwenkwe nokuvunwa emasimini, ukubala nje ezimbalwa.

Ukumiswa ngxi kweentshukumo kuzoyichaphazela indlela ekwenziwa ngazo izinto kuba akuzukwenziwa izinto ngesiqhelo.

Ukungasondelelani kwabantu yenye yemicelimngeni xa kusetyenzwayo echaphazela impilo yasezilalini. Kufuneka ubani nobani atshintshe indlela yokwenza kwakunye azifundise ukumilisela imigqaliselo.

Ukumiswa ngxi kweentshukumo kubonisa ukuba izinto azisafani nakuqala, kokho iilali ekufuneka zithobele imingqaliselo, imiqathango kwakunye nemikhombandlela yokulwa nalo bhubhane.

Nangona urhulumente emilisele imeko zokuhlangabezana nezidingo zabantu ngeli xesha lokumiswa ngxi kweentshukumo. Ngamazwi kaMongameli uRamaphosa “Lixesha lokuba siqaphele. Lixesha lokuba senze ngokuqiqa nokuqonda. Lixesha lokuba sibe nomonde. Kukhona amaxesha apho kufuneka sinyamezele uxinizelelo kwakunye nobunzima, ukuze sikwazi ukonwabela inkululeko nokuphumelela kwilixa elizayo.”

Ngeli xesha umsebenzi wamakhosi ubaluleke kakhulu ekusebenzisaneni namaqumrhu athile, ekulweni nale ntsholongwane.

Nkosazana Stella Sigcau II EbuKumkanini bamaMpondo EMpuma Kapa.