Ubuqhophololo noomasipala

UMxolisi Koyo ethetha emva kokubekwa njengosihlalo omtsha weSALGA ephondweni

UBUQHOPHOLOLO kwaneenkokeli ezenza unothanda zingajonganga iimfuno zoluntu yenye yezinto ezithi qatha kuluntu laseMpuma Koloni xa lucinga ngoomasipala beli phondo.

Oku kuvele kwinkomfa yantsuku-mbini ebikhwetywe ngukhala woomasipala boMzantsi Afrika (South African Local Government Association [Salga]), nebibanjelwe e-ICC eMonti.

Obesakuba nguSodolophu waseChris Hani uMxolisi Koyo, nowonyulwe njengosihlalo omtsha weSalga eMpuma Koloni uthe: “Asikwazi ukuyiphepha eyokuba xa abantu becinga ngoomasipala, umba wobuqhophololo kwakunye neenkokeli ezenza unothanda yinto ethi qatha kuqala.”

“Ndiyathemba ngoku ukuba oomasipala abasayiphiki into yokuba abantu bacinga ngobuqhophololo kwaneenkokeli ezizenzela unothanda xa befikelwa yingcingane malunga noomasipala.“Kufuneka sisebenze nzima ukuphelisa le ngcingane. Isixhobo sokulwa oku, lunxibelelwano oluluqilima phakathi kwabantu noomasipala. Kuhle ukuphawula ukuba oomasipala abaliqela ephondweni banesikhokelo esihle sokuphucula indlela abachitha ngayo imali,” utshilo uKoyo.

UVuyo Mlokoti – osandul’ ukuqeshwa njengomanejala kamasipala waseNelson Mandela Bay – uthi xa iinkokeli zopolitiko nezolawulo koomasipala ziyazi ukuba kufuneka ziphendule eluntwini ngemisebenzi yazo lungalula kakhulu urhulumento loomasipala.

“Yonke imihla iinkokeli zomasipala kufuneka zenze umsebenzi wazo ziyazi ukuba xa zithe zenza gwenxa into kufuneka ziyilungise kwalo mini. Ingxaki iqala ibekho xa iinkokeli zingakulungisi oko kugwenxa zikwenzileyo,” utshilo uMlokoti.

Ethetha malunga nokutyunjwa kwakhe, uKoyo uthe: “Ndiziva ndimncinci yintembeko endiyinikwe ziinkokeli zoomasipala baseMpuma Koloni. Siza kusebenzisana sisonke noomasipala ukuphucula inkqubo yokusiwa kweenkonzo eluntwini.”

Kusenjalo uNomakhosazana Meth, usodolophu wase-OR Tambo obefudula engusihlalo weSalga ephondweni, wonyulwe njengelungu lekomiti yeSalga kuzwelonke elimele iMpuma Koloni. Usodolophu womasipala iDr Beyers Naude uDeon De Vos naye wonyulwe njengelungu lekomiti yeSalga kuzwelonke.