Ubusela bukhuthazwa ngabantu

Ndothuke ndaphantse ndawa ndakufunda ngenqaku laseKhowa, apho amatutu ethe gqolo ukuba amatye ahombise amangcwaba.

Ezi ntwana zitsibe ilitye likaphungela ngokwakhe, sikhule amangcwaba eyindawo enikwa intlonipho.

Ingxaki yobusela kukuba la matutu esiba izinto zabantu kukhona abo balinde ukuzithenga, maxa wambi bayathunywa ukuba mabeze nantoni.

Ummelwane wam ukhe wabamba iinkewana ezinokuba neminyaka engaphantsi kwe15 zisiba iziciko zamavili enqwelo yakhe.

Ngethamsanqa uye wazibamba wazibetha kanobom, zimpolile zisithi zithunywe ngumfo othile. Uthumele amapolisa waze watyityinjiselwa umnwe lo mfo. Lilonke ubusela bukhuthazwa ngabantu abathenga emaseleni.

– Xolile Veto eKomani