Eli lizwe lijongene nolwaphulomthetho olugqugqisayo lokubiwa kweentambo zombane nekopolo. UMasipala oMbaxa weBuffalo City kutshanje uye wachaphazeleka kwiziseko zophuhliso zawo xa iEastern Beach iye yaba yindawo ekujoliswe kuyo ngobusela beentambo zombane nokonakaliswa kwezakhiwo.
UMasipala ukhuphe ingxelo ethetha ngenkxalabo yakhe malunga nokubiwa kweentambo zombane kunye nokonakaliswa kuMasipala oMbaxa.
“Silufumene ulwazi ngomonakalo owenzeka kwiEastern Beach nakwizinto esithe saziqwalasela, oku kukhangeleka njengeqela elilungelelanisiweyo eliye lagrumba, lasusa kakhulu ngexesha lasebusuku,” utshilo uMasipala.
UMasipala uthi oku kutshatyalaliswa kweepali, ipavumente nezinye izinto ezixhasa ukuhanjiswa kombane kukhokelela ekulahlekeni kombane. “Abezomthetho bethu besebenzisana nabeeNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika baza kwandisa ukujikeleza kwabo kwezi ndawo. Kodwa kubalulekile ukuba sijongane noyena nobangela wale ngxaki,” itshilo ingxelo.
Baqhube bathi “Ubusela nokonakaliswa kwempahla yeyona ngxaki iphambili kuMasipala wonke, kwaye oku kunefuthe elibi kunikezelo lweenkonzo.”
Oku kwenzeka emva kokuvalwa okucetywayo kweentsimbi ezilahlwayo ukulwa ukubiwa kweentambo zombane elizweni.
UMphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano, uEbrahim Patel upapashe izindululo kwiPhephandaba likaRhulumente. Ungenelelo olucetywayo luya kwaziswa ngexesha elongezelelekileyo ngokwezigaba ezithathu. Ezi zigaba ziquka:
•Imiqathango eyongeziweyo yokubhaliswa kwabathengisi beentsimbi ezilahliweyo kunye neentsimbi ezilungiselelwe inqanaba lokugqibela lokwenziwa.
•Ukunyanzeliswa kwemfuneko yobhaliso kubathengisi beentsimbi.
•Ingxelo yegalelomveliso
•Izithintelo eziqinileyo malunga nokuba ngubani onokuthengisa ubhedu.
•Izithintelo zokungeniswa kweziko kunye noomatshini bokuguqulwa kweentsimbi.
•Ulawulo lwemida olwandisiweyo.
•Ukwalela ukusetyenziswa kwemali esandleni.
UMasipala ukholelwa ukuba ukuthatha eli nyathelo kuza kuqinisa ungenelelo lwabo lwengingqi olujolise ekukhuseleni impahla yoluntu kwaye benze ukuba ukubiwa kweentambo zabo nezinye iintsimbi kungabinangeniso. “Olunye ungenelelo lwethu lubandakanya ukufaka iikhamera zeCCTV nokugqogqa abathengisi bentsimbi ezilahliweyo,” batshilo.
“Ngokutsho kwesicwangciso sobugcisa seCCTV, zonke izakhiwo kunye nezakhiwo zikamasipala ombaxa waseBuffalo City kunye neziseko zophuhliso ziya kubekwa esweni yiCCTV, kwaye le nkqubo iyaqhubeka,” itshilo ingxelo.
UMasipala uhlaba ikhwelo koosomashishini ukuba basebenzisane nabo kwaye bomeleze iinzame zabo zokuqubisana nolwaphulo-mthetho olubangelwa ngabathengisi beentsimbi ezilahliweyo, abathenga iintsimbi ezibiweyo.
Urhulumente ubongoze uluntu ukuba lungenise izimvo zalo ngezi zindululo zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amabini ananye ukususela kumhla kwapapashwa ngawo (umhla wesihlanu kweyeThupha) kuMlawuli Jikelele wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8