UBusisiwe Mvimbani uthi ‘kudlalwa amakhadi’ kwaForensic oseGcuwa emva kokuba eye kufanisa umzimba awayecinga ukuba ngulowo owafunyanwa eNqadu ngo2022 wadibana nomzimba omkhulu obonakala umtsha futhi ungafaniyo nomzimba womntana wakhe oyintombazana owalahlekayo eneminyaka elishumi elinesine ubudala.
Namhlanje, ngoMvulo, utyelele kwaForensic oseGcuwa apho adibene khona nabasemagunyeni ukuze afanise imizimba emva kweenzame eziliqela zokuzama ukufanisa. “Lo siwunikwe namhlanje mtsha futhi ugabhugabhu. Xa ndiwujongile lo ebeveziweyo; noba akanxibi no34, noba38 okanye 40, kodwa ngumntu omkhulu. Ndithe kubo ayinguye lo, ayingo mntana wam,” utshilo uMvimbani.
“Yintoni le ingaka ifihlwayo kulo mzimba?”
UBusisiwe uthi wafumana ingxelo ngomzimba ohambelana neempawu zomntana wakhe owafunyanwa emlanjeni eNqadu ngo2022 kwaye wawubotshelelwe uhamba nelitye lendlela. Eli litye ukwazile ukubuya nalo, nebelikugcino lwezinto ezifumaneka kwindawo yexhwayelo.
Ukuza kuthi ga ngoku, uthi sele efumene imizimba emibini eyahlukeneyo ekubikwa ukuba ngulowo owafunyanwa eNqadu, kodwa akukho namnye oye wahambelana neempawu ezisemzimbeni wentombi yakhe.
ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni liphefumle
Kwingxelo ekhutshwe lisebe, liqinisekise ukuba usapho lavula ityala ngonyaka ka2022. Amapolisa achaza ukuba kukho imizimba eyohlukeneyo efunyenwe kwiindawo ngeendawo enokuthi ihambelane neempawu zentombi kaBusisiwe elahlekileyo.
“UMvimbani wayibona imizimba kodwa, ngelishwa, wachaza ukuba yayingeyiyo eyentombi yakhe elahlekileyo. Ngo2023 uMvimbani wabuyela kwicandelo lethu esithi uqinisekile ukuba umntana wakhe ukwiziko lethu lokugcina izidumbu. Imizimba ibisemkhenkceni yonke,” utshilo uGqirha Rolene Wagner oyintloko yesebe lezempilo eMpuma Koloni.
Ingxelo iqhube yathi balandela inkqubo yokunyibilikisa umkhenkce kwimizimba ekhoyo futhi yalandela inkqubo yokufanisa imizimba yenziwa.
“Kwakhona, uMvimbani wathi awukho umzimba wentombi yakhe eyalahlekayo kwimizimba awayiboniswayo. Ekupheleni kuka2024, uMvimbani uphinde wabuyela kwiziko lethu enethemba lokuba umzimba ukhona phaya.
“Imizimba ekubhekiswa kuyo yebigcinwe emkhenkceni ukusukela ngo2022, kwaye kwafuneka ukuba kucinywe imitshini ukuze kunyibilike umkhenkce,” kutsho uGqirha Wagner.
Isebe likwathe kukho intsebenziswano engekho mgangathweni ekutyholwa ukuba yenzeke phakathi kukaMvimbani nelinye lamagosa asebenza kwaForensic ebelisemsebenzini ngethuba uMvimbani echaza ukuba ufuna ukuphinda abone imizimba. Isebe lithe lo ngumxholo wophando lwangaphakathi ukuze kuqinisekiswe ubunyani.
Ngaphandle kokuba uMvimbani efanise imizimba namhlanje, isebe liqinisekise ukuba iisampula zeDNA zithathiwe kuMvimbani kwaye ziza kuvavanywa ziphinde zithelekiswe nemizimba emibini yaseWillowvale.
Imbali yoku
UBusisiwe, oneminyaka engafumani uncedo kurhulumente, ude wahoywa emva kokukhala kuFacebook. Ekupheleni kweveki ephelileyo, uMvimbani ubalise ibali lokulahlekelwa kwakhe ngumntana wakhe oyintombaza ngo2022.
Wasixela isiganeko emapoliseni. Emva kwexesha elithile, abecuphi bamxelela ukuba kukho imizimba yabantu eyacholwayo. Wanikwa iinombolo zemizimba eyayiphawulwe ngazo. Waboniswa umzimba wamnye ngumsebenzi wakwaForensic, eGcuwa.
Okukhwankqisayo kukuba kwathiwa makabuye ngelinye usuku ukuze akwazi ukubona omnye umzimba. UBusisiwe uhambe iminyaka emva koko engancedwa ngabasebenzi bakwaForensic nakubeni wayesefune uncedo nakumphathi waseGcuwa.
Endaweni yokunikwa uncedo, uMvimbani ubanga ngelithi umsebenzi wakwaForensic wamxelela ukuba udikiwe yinto yakhe.
Noxa uBusisiwe ekhangela umntu owaswelekayo, akukakhutshwa isiqinisekiso somntu oswelekileyo.
Isebe lithe libonelele ngeenkonzo zokululekwa kwengqondo ukumnceda akwazi ukulawula unxunguphalo kunye nentlungu yokungafumani intombi yakhe elahlekileyo kude kube ngoku.
I’solezwe lesiXhosa lizamile ukuqhagamshelana neForensic yaseGcuwa libuza imibuzo ngengxaki kaBusisiwe, kodwa asikhange siyifumane impendulo lade lapapasha ibali.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine