ISIBINI esiphumelel’ iimbasa ngenxa yobuchule baso bokubhala iifilim, uLayla Swart kwakunye noJahmil X. T. Qubeka siphindile kwakho sabuya nebhanyabhanya etak’ iintlantsi.
USwart noQubeka, abangabavelisi nabanini beYellowbone Entertainment, beza nomdlalo bhanyabhanya obizwa “Blood Psalms.”
Le filim ilandela impumelelo yabo yeKnuckle City, ekhutshwe ebutsheni balo nyaka.
Phakathi kweengqaka zabadlali boMzantsi Afrika abadumileyo abadlala kwiBlood Psalms, singabalula uBokang Phelane, Enhle Mbali Mlotshwa, Hlubi Mboya, Zikhona Sodlaka, Warren Masemola, Sdumo Mtshali, Hamilton Dlamini, Thabo Rametsi, Sello Maake kaNcube, Thishiwe Ziqubu nabanye abaninzi.
Phakathi kwezi ndumasi zabadlali kukho igatyana laKwaBhaca (Mount Frere) uThembekile Komani.
KwiBlood Psalms uKomani udlala indima kaMzinzi, oyiNkokheli yamaChini.
Ungene njengenkumanda yesibini emva komama wakhe.
“Andifuni kulimosha ibali, kufanele balilinde ngomdla. Kodwa ndiyathemba ukuba baza kumthanda uMzinzi kwanezicwangciso anazo nesizwe sakhe,” kutsho uKomani, encokolela I’solezwe lesiXhosa.
Umdla wakhe wokudlala kwimidlalo kamabonakude neebhanyabhanya waqala kwisikolo samabanga aphakamileyo iSimunye High eDelft ngo2004.
Ubalisa athi, omnye wabafundi beso sikolo ngelo xesha, uLuvuyo Gaji, waseka iqela ledrama, waze wangena iklasi neklasi ekhangela abafundi ukuze bazibandakanye.
“Ndaya kuzibandakanya, enye nenye yalandela,” kubalisa uKomani.
Uthi emva kwematriki wabona ukuba ukudlala kwimidlalo yeqonga uyakuthanda, wahamba waya kufundela iTheatre and Performance eNew Africa Theatre.
UKomani udlale kwimidlalo equka iNkululeko, Isikizi, Knuckle City, iJAB edlala kwiNetflix sithetha nje, kwanomdlalo obizwa Valedictory ekulindeleke ubekwiisinema kungekudala.
Ezinye zezinto adume ngazo uKomani ngumdaniso (contemporary dance) nokuba nguDJ.
Uthi isakhono sakhe sokulinganisa kwimidlalo kamabonakude simfundisa okuninzi ngabantu.
“Kufanele ukuba phambi kokuba ndinxibe umlinganiswa ndifunde kwaye ndiphande banzi ngaloo mntu ndiza kumdlala. Esi sakhono sikwandifundisa ukuba ubani anganguye loo mntu afuna ukuba nguye, kodwa kweli candelo lokulinganisa kunzima, kufanele umntu anyamezele,” kuncokola uKomani.
IBlood Psalms isaqhuba nokwenza iziqendu zayo kumaphondo ngamaphondo aquka iMpuma Koloni, iRhawuti noMntla Ntshona.
Kule veki bebesenza iziqendu zabo kwiindawo ezifana neRhafu, iMonti neCoffee Bay.
Kulindeleke ukuba le filim ibe kwiShowmax kunyaka ozayo.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo