UButhelezi umangalele iNFP

Umongameli wombutho weIFP uGqirha Mangosuthu Buthelezi uvule ityala emangalela iNFP emapoliseni nakwi-IEC.

UButhelezi uthi wenza oku emva kokuba amalungu alo mbutho athe amfungela emgrogrisa ngokumbulala yena kunye namalungu akhe ngenxa yokuba esithi nguye obangele ukuba iNFP ingakwazi ukungenela unyulo lwenyanga ezayo.

Lo kaButhelezi ubize inkomfa noonondaba kwiiofisi zeIFP eThekwini nalapho athe wanabisa banzi intlungu nexhala lakhe ngezi zigrogriso.

Ingxelo ithi amanye amalungu eNFP uvale indlela kwaNongoma ekwatshisa ivenkile yelungu leIFP. “Ngenxa yezi zoyikiso sivule ityala kumapolisa akwaNongoma kuba asiyazi injongo yala malungu,” uthethe watsho uButhelezi.

Umbutho weNFP awukwazanga ukungena kulonyulo loomasipala kuba abakwazanga ukuhlawula imali ethi ihlawulwe xa kulungiselelwa ukungena unyulo kwikomishoni ezimeleyo yonyulo.

“Andazi ukuba kutheni kufungelwa i-IFP ngenxa yeengxaki zangaphakathi kwiNFP,” utshilo umntwana. Le nkokeli irhabule ebhayibhileni ngethuba izama ukucacisa ukuba abanatyala bengachaphazeleki kwingxaki yokungabhaliswa kweNFP kwi-IEC.

Unobhala jikelele kwiNFP uBusisiwe Tshabalala uthi iinkokeli zabo zinikwe imali ziinkokeli ze-IFP ngeenjongo zokuba balibazise inkqubo yokubhalisa iNFP kwikomishoni yonyulo.

Lo kaButhelezi ufunde uluhlu lemiyalezo kaFacebook ebithunyelwa ziinkokheli zombutho weNFP.

“UThemba Dladla ubhale wathi kusezakubanjwa unyulo valo sikhewu kuba baninzi abasezakufa, uThandoxolo Ngcobo yena uthe ushishino lomkhenkce luzakuqhuba kakuhle kuba baninzi abantu abazakubhubha,”uthethe watsho uButhelezi.

UButhelezi uthi umongameli walo mbutho uZanele Mgwaza Msibi kumele ukuba avule umlomo athethe ngalo mcimbi angathuli kusonakala.