UButho ucela iivoti kuluntu

Imvumi yomculo wokholo uButho Vuthela ekunye nonkosikazi wakhe uYolanda

Imvumi yomculo wokholo uButho Vuthela ekunye nenkosikazi yakhe uYolanda, babongoza inkxaso kuluntu ekubeni lubancedise ngokuthi lubavotele ukuze baphumelele kumawonga eSABC Crown Gospel Music.

La mawonga azakubanjwa e-ICC eThekwini ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga.

Eyona ngoma bacela kuyo inkxaso yileyo yaziwa kakhulu ethi “Phosani Umnatha”.

UButho uthi, impumelelo yabo kolu gqatso ayisoze ibelilize eluntwini. “Sibongoza kangangoko uluntu ekubeni lusivotele kangangoko lunako. Siyayazi ukuba kudala abantu besixhasa, yiyo lento sicelayo nakulo mjikelo.

“Xa uvotayo uthi Best Gospel Song of the Year Phosani Umnatha uthumele kwinombolo engu: 34069. Ukuvota kwakho kuzathi kwenze umahluko omkhulu kwabaninzi,” utshilo uButho.

UButho noYolanda badume kunene kumculo wokholo kwiminyaka embalwa edlulileyo beneengoma ezifana nethi “Ewe Nkosi”.

Emva koko abazange bajonge emva, besonwabisa abantu ngomculo onesingqi esikunyanzelisa ukuba udyushe.

UButho sele ephuhlise iimvumi zomculo wokholo ezininzi kweli phondo. Ezimvumi ziquka uLutsha Yolelo, uLusizo kwakunye noV. Sholo.

Le mvumi sele inamawonga asixhenxe esandleni asele ewaphumelele ukusukela oko eqalisile ukuba yindumasi kulo mculo wokholo.

Kusenjalo uButho ukwatyunjelwe nakwibakala le “Best Traditional Album”.

abongile.ginya@inl.co.za