Ubuxelegu asikokuba mdaka esiqwini kwaphela nokuziphatha ngokungenantlonipho isekwabubuxelegu, umzekelo : ukumisa imoto ntimfa phakathi endleleni uyishiye,ukudlula kwigophe ungaboni ngaphambili , ukungxolisa umculo ubusuku bonke ungabacingeli abanye abantu, ukubaleka abantu obubathembise ukubabhatala ngomgalelo nokuziqenya ngokuba krwada. Ukuba uyabandakanyeka kule mizekelo ingentla buyisa unyawo nto kanantsi ulilo ixelegu.
Nditsho nangoku!
– Thembakazi Senzwa eMonti
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo